UBhomoyi uphuma ekhayeni elingathathi ntweni futhi utata wakhe ufuna ayeke isikolo ayophangela. Ulahlekelwa ngumzali wakhe futhi nguye qha ongahlangula elikhaya endlaleni. Abantu belali abamginyi ncam, kodwa intombi zelali zithi tata kuye. Ingaba uzakuzigqiba kusini na izifundo zakhe zobugqwetha?
Abalinganiswa
Bhomoyi – Unyana kaMvundla
Mvundla – Uyise kaBhomoyi
Manyawuza – Unina kaBhomoyi
Nomsa – Intombi encuma noBhomoyi
Zimkhitha – Intombi yelali
Thozama – Umhlobokazi kaZimkhitha
Nobuntu – Intombi yelali engavaniyo noThozama noZimkhitha
Nyathela – Inqununu yesikolo esifunda uBhomoyi
Maduna – Umfazi welali ohlebayo
Mantshantsha – Umhlobokazi ka Maduna
Indoda 1 – Indoda yelali
Indoda 2 – Enye indoda yelali
Umfazi – Umfazi welali
Sisa – Umhlobo kaBhomoyi wase sikolweni
Zine – Intombi ethandana noBhomoyi emva kokuba ohlukene noNomsa
Ilizwi – Umntu ongaziwayo othetha kwimfonomfono
Sisipho – Intokazi kaBhomoyi yaseDyunivesithi
Mongikazi – Osebenza esibhedlele eThafalofefe