(Kuse mthonjeni apho kukhiwa khona amanzi. Kuhleli uZimkhitha strong kunye noThozama. Kufika uNomsa xa kanye belungiselela ukuhamba, baze bobabini babeke phantsi iimbombosi khona ukuze balinde uNomsa)

Nomsa:Thozama: Molo wethu Sasa. Unjani namhlanje?

Nomsa:Thozama: Ndiyaphila nam, ngaphandle nje kwale yehlele uBhomoyi. (atsho equbula intsini)

Zimkhitha: (Naye ehleka) Xa ebeyokwenza ntoni uBhomoyi emguyweni sele ebethwa nje? Hayi mna andimsizeli nakancinci. Uqhele ukuzenza ingathi ungumntu apha othanda isikolo. Besiphi ke isikolo ngoku ayobethwa emiguyweni?

Nomsa: (Enxunguphele) Wena Zimkhitha andiyazi ukuba yintoni ingxaki yakho. Ndifike ndabulisa apha wena awavuma, suka wandinyevulela. Ngoku uthetha ezi zinto uzithethayo ngomnye umntwana esengxakini.

Zimkhitha: Ndibonakala ndinengxaki na mna? Nguwe nje umntu osengxakini yokugulelwa yindoda. Mna sana ukuba ibindim lo ugulelwayo, ngendihleli kula Thafalofefe (atsho egobha uThozama)

Thozama: Khawutsho ke Nomsa. Unjani uBhomoyi wakho?

Nomsa: (Ebonakala ukuba udikwe yeyokosa) Ukuba ubufuna ukwazi ngewusiya phaya eThafalofefe uyokuzibonela. Ukuba uyathanda ungathatha neengubo zakho uyolala phaya nawe.
(Athwale imbombosi abashiye)

Zimkhitha: UNomsa ucinga ukuba siyaqala na ukubona inkwenkwe eyenzakaliswe ngamanye? Khona bekutheni aze amyeke uBhomoyi aye emguyweni emazi nje ukuba liphatyuphatyu?

Thozama: Iyandixaka mna lento yalo Bhomoyi kuba abambonileyo bathi akalimelanga. Ukhe abekhona na umntu obethwa kule veki kodwa ayolala esibhedlele kwiveki elandelayo? Khona ukuba angafa loo Bhomoyi angangcwatywa ngantoni kowabo? Njengokuba phaya kunzima nenkobe ezi zakwa mbala. Umama waphaya usoloko umbona engcucalaza kule mizi efunana nento etyiwayo.

Zimkhitha: Bafanele kaloku bababona njengezidenge aba basemakhaya abantwana bayeka isikolo bahambe bayophangela. Uphi ngoku lo wabo umntwana usisifundiswa? Nanko ethe tywa esibhedlele naloo mfundo yakhe yebhongo. Ngoku sebefane betyhola nabathakathi bengenzanga nto.

Thozama: Unyanisile kodwa tshomi. Ayikho into ebangela ukuba uBhomoyi athi emdala alibale sisikolo kowabo besokola.

Zimkhitha: Hayi Thozi ntombi makhe sihambe noko kudala sihleli kulo mthombo. Asinayinceda into yabantu abacinga ukuba bangcono kunabanye abantu.

(Bathwale bobabini bahambe)

***

Khawusixelele: Inoba kutheni abantu benenzondo ngakuBhomoyi?