(Kusemva kwesidlo sasemini. Emavundleni ngase buhlanti, kuhleli uBawo uMvundla uziqoqela intonga yakhe. Kufika uMnumzana Nyathela ekhangeleka emaxhaphetshu)

Nyathela: Molweni aph’eMaVundleni.

Mvundla: (Esinga) Tyhini ingaba ndiyaphupha na? AyingoNgconde na lo? Siyavuma Togu (emxhawula). Siyavuma Ngconde.

Nyathela: Nivuka njani namhlanje apha eMaVundleni?

Mvundla:Hayi. . . Hayi wena Ngconde (antumeke inqawe yakhe, atsale imisi ibe mibini). . . asiboniswa nto noko. Sivuka nje kakuhle, akhonto inqabileyo ke mfondini kuba ihlala ikhona wena loo mikhuhlane. Kodwa ke noko xa kungekho mntu ulele phantsi siye sibulele kuQamata (aphakame oyame ubuhlanti achame. Abuyele kuNyathela). Nivuka njani kodwa nina mfo kaNyathela?

Nyathela: Ukukhala akuncedi Mvundla, njengoko ubusele utshilo imikhuhlane ayinqabanga. Mvundla mfondini mandingene emxholweni.

Mvundla:(atsale imisi ibe mithathu) Undibethe emlonyeni mfo wasemzini. Khawusele ugawula uwarhuqa nto yakuthi (acime inqawe ayibeke phantsi)

Nyathela: Hayi wena Mvundla akukho nto imbi kuba akufanga mntu. Kodwa ke ikhona into endileqayo.

Mvundla:Ndimamele Togu phuma egusheni mfondini, ilanga limnkile.

Nyathela: (Ethinta isikhohlela) Mvundla ngentsasa yayizolo ndibone intombi yakwaVuma le kuthiwa nguNomsa ingena pha kwi-ofisi yam esikolweni.

Mvundla:(Efudumala) Nyathela uthi ubhadlile nje kakuhle apha entloko? Ungandlandlatheka usuke ngapha esikolweni uzondixelela ubuvuvu emzini wam! Ndixakekile mna mfondini andinalo ixesha lokudlala. Khona njengoba ulapha, bafundiswa ngubani abantwana esikolweni?

Nyathela: Ndilinde Mvundla ndigqibe, nam andizanga ngendlalo apha. Ndinike ithuba ndinabise lo mcimbi ndize ngawo apha khona ukuze sikwazi ukubonisana ngawo.

Mvundla:Uthi mandimamele! Ndimamele ntoni? Obu buvuvu ubushwantshwathayo apha?

Nyathela: Obona buvuvu Mvundla bobu ubuthethayo bokuba umntwana makayeke isikolo, khona ukuze ondle wena. Mna ndiyile ndoda ndiyiyo zange ndondliwa ngumntwana. Wena wakugqiba ukuba mdala ube ngaka awuyazi into elungele umntwana.

Mvundla:(Engcangcazela ngumsindo) Nyathela ndakufaka intonga ukuba awuwuvali lo mlonyana wakho. Khona ungena phi wena kwizinto zaseMavundleni? Umzi wam ayondawo yokuphambanela Nyathela.

Nyathela: Yehla. . . yehla Mvundla khona ukuze sibonisane ngalo mcimbi.

Mvundla:(Ephakama esonda ngaye) Ndakwenzela inkawu ngenja ubonanje Nyathela, ndithe kuwe hamba kulo mzi wam.

Nyathela: (Efudumala naye) Mfondini ingathi ulibele ukuba nam ndakhulela apha kuCentane. Uzakudibana neembila zithutha apha kum. Indoda ayenzi ngolu hlobo uqhuba ngalo. Unantoni na Mvundla lento ungafuni kumamela? (atsho ephakama ahambe engacelanga nendlela).

Mvundla:(Ezithethela yedwa) Ingathi linyanisile kodwa eli phaku-phaku lakwaNyathela. Kodwa akuzolunga ukuba ndibuye umva kuba izobangathi lindoyisile lidibene nalo mfazi (Aphakame ayongena endlwini)

***

Khawusixelele: Zithini izimvo zakho ngendlela uMvundla aye wamphendulo ngalo uNyathela?