(Kungorhatya eMavundleni, kuhleli uBawo uMvundla, uMvundla kunye noBhomoyi)

Mvundla:Khawutsho ke Bhomoyi mfo wam. Ufuna ukuba yintoni xa sele ugqibile ukufunda?

Manyawuza: (Eqhwaba izandla) Inene izinto ziyenzeka. Wena tata uthethe ngesikolo!

Mvundla:Khawume nkosikazi ndikhe ndithethe nomntwana. (Ebamba uBhomoyi entloko) Khawutsho ke mfo wam.

Bhomoyi: (Ethokombisa) Ubonanje ke tata bendingeka yicingi lonto. Kodwa ke ingathi bendinothanda ukuba ligqwetha.

Manyawuza: Nantso ke into yakho! Ungathini ukuthi ufunda ibanga lesixhenxe kuthi kanti awukazazi ukuba ufundela ntoni?

Bhomoyi: Ndiyatsho nje mama ukuba ndifuna ukuba yintoni. Khona inceda ntoni into yokuba ndifune ukuba yinto endingasoze ndibeyiyo? Uyayazi nje nawe ukuba thina apha ekhaya asinayo imali, ngoko ke andisoze ndikwazi ukuqhubeleka phambili nezifundo zam.

Manyawuza: Ungalahli ithemba mntwanam, sikhona sinoyihlo. Siyakuzama kangangoko sinako ukuba sikufundise.

Mvundla:Hayi Manyawuza musa ukudlala ngomntwana. Njengokuba uyazi nje ukuba kunzima nokuba masimthengele izihlangu ezi zesikolo, ucinga ukuba sizoyithatha phi imali?

Manyawuza: Mna kaloku tata andililahli ithemba ngakufelwa. Awazi kaloku ukuba amangomso asiphathele ntoni.

Mvundla:Liyinene elo nkosikazi. Bendicinga nkosikazi ngala mcimbi besithetha ngawo malunga nokuba aba bantwana bayeke isikolo.

Manyawuza: Ndiyazile ukuba uzojika. Ucinge waphelela phi ke Mvundla omhle?

Mvundla: Ndiyavumelana nawe nkosikazi. Kumele ukuba mna njenge ntloko yeli khaya ndikhe ndibone icebo lokuba kulalwe kutyiwe apha endlwini. Ngoko ke ndiye ndacinga ukuba ndikhe ndiye nokuba kuseGcuwa ndiyokhangela ukuba akukho ndawo ndinobamba kuyo na.

Manyawuza: (Ehleka) Hayibo tata njengokuba kunzima nokuphakamisa igaba eli nje? Ucinga ukuba ungabasakwazi njani ukuphangela? Hayi noko Mvundla thetha enye into.

Bhomoyi: Hayi wena tata ungogqithwa nandim wena ngokusebenza.

Mvundla:(Ehleka) Kaloku mfo wam iminyaka sele ihambile apha kum. Noko lide eli thuba ndisitya amazimba.

Manyawuza: Kowu tata ndikhumbula ngexesha lakho. Usisigantsontso somfo omhle nalapha ebusweni.

Mvundla:Usuke ube nje ke wena nkosikazi undikhumbuze amaxesha adlulayo. OoBhomoyi aba babengasoze balunge apha kum. Hayi nkosikazi ndiyaphela mna bubuthongo ngoku

(Aphakame aphume phandle)

Bhomoyi: Ndiyabulela mama ngokuthetha no tata. Ndiyazile ukuba wena awusoze woyiswe kukuthetha naye. Bendisele ndinexhala nyhani mna, kaloku isikolo sibalulekile kum.

Mvundla: Uzakuzibonela nawe xa sele utshatile, awuzofuna ukushiywa ngumfazi ngenxa yezinto ezincinci.

(Bahleke bobabini)

***

Khawusixelele: Ucinga ntoni ngalomdlalo uzokuthi ga ngoku?