(Sele kukwisithuba seminyaka emibini uBhomoyi waphumayo esibhedlele. Ngoku uBhomoyi wenza ibanga leshumi, okanye Grade 12. Simbona ngoku uBhomoyi ehleli nomhlobo wakhe kwigxamesi labo)

Bhomoyi: Ey ntangam ingathi kuzoba nzima kulo nyaka. Uyabona le into yoba kufuneke ufunde ube ulambe kwesi sotyela, yingxaki nyani.

Sisa:: Yitsho uphinda ntangam. Kodwa ke kungcono kuba unyaka noko sele usiya ekupheleni.

Bhomoyi: Enye into endihlupha kakhulu yile yokugula kuka tata. Ayindiphethanga kakuhle nyani, yaye ingathi izochaphazela izifundo zam.

Sisa: Ungalahli ithemba ntangam kuzolunga wena. Eyona nto ibalulekileyo ngoku masijongane neencwadi zethu. Khona!(Ephakama) Uhambe njani kulento ubuyibhala izolo?

Bhomoyi: (Encuma) Hayi kaloku ntangam uyayazi ba iHistory kukutya kwam. Andibuzwa nokubuzwa kuyo.

Sisa: (Ezingomba isifuba) Hayi mfanam usinda nje kuba ndingayenzi mna i-history. Bendizokubonisa amaqhekez’engqele mna.

Bhomoyi: Hayi kwi-history mfo wam, andina ntanga phaya kulanto. Uzujonge ngoDisemba ndizoza nento ebonakalayo. (Ajonge ixesha) Hey mfondini ixesha lihambile ndiyozela mna ngoku.

Sisa: (Equbula isingxobo seencwadi) Ufane wozela, akukho mntu uzolala apha. Ulibele ngoku ukuba ayikho inkomo yobuthongo? Ukuba ulibele kukulala uyakufela enkangeni mfanam.

Bhomoyi: (Naye ethatha esakhe isingxobo) Kodwa ke ntangam ukhumbule ukuba esinamandla sesityayo. Ndilambile mna ngoku yaye ndidinwe nodinwa. Mandizicenge kodwa ndiye ngakhona.

***

Khawusixelele: Kwezi zinto amelane nazo uBhomoyi ebomini bakhe, ingaba umbona ephumelela na kwizifundo zakhe?