(Ngexesha lesidlo sangokuhlwa, eMavundleni kuhleli uBhomoyi, uManyawuza kunye noNombhobhana. UBhomoyi ukhangeleka ikhona into emhluphayo)

Manyawuza : (Ephakamisa ikomityi) Kumaxa indawoni into yakho yesikolo Bhomoyi? Iyandihlupha into yoba ungafundi ube unayo ingqondo yesikolo yaye nawe ufuna ukuya.

Bhomoyi: (Ekhulula izihlangu) Ungabina xhala kanti wena mama kuzode kulunge. Baninzi abantu endibaziyo abakwazileyo ukufunda kube kwamawabo kungekho mali.

Mvundla: Ingaba lilishwa kaloku into yokuba kungabikho nomnye umntwana apha kuni ode afunde agqibe. Thina apha ekhaya ngoku sele sinethemba lakho.

Nombhobhana: Uzobona ke tana mama ndizofunda nam ndide ndibe yinto.

Bhomoyi: Ndingavuya kakhulu dadethu ungafani neentanga zakho ezi zingafuni nokusibona isikolo. Kuzoba ngcono kakhulu ke wena kuba uzothi ugqiba uten ndibe sele ndiphangela.

Manyawuza: Njengokuba nje mntwanam kusithiwa iyanqaba le misebenzi noba umntu sele efundile, wena uzokwenza njani? Siii kodwa abantwana bethu baphila kwixesha elinzima.

Bhomoyi: (Elungisa ukuhlala) Andifuni nokuyiva ke mna mama le into yokunqaba kwemisebenzi. Abantu bathi xa befuna ukugxeka imfundo bakhale ngemisebenzi enqabileyo. Ngamacebo nje asetyenziswa ngabantu ukutyhafisa abantwana babantu. Mna ndizowufumana umsebenzi.

Nombhobhana: Hayi nam bhuti soze ndide ndingafundi ngenxa yalonto. Kungcono ndidinge umsebenzi endiwufundeleyo kunoba ndidinge umsebenzi ndingafundanga. Khawutsho ke bhuti uhamba nini?

Bhomoyi: Andikazazi okwangoku, ingxaki ndithathwe esikolweni qha abakandiphenduli kwinto yemali yokufunda. Sele ndifane ndanethemba kuba ndizazi ukuba ndipase kakuhle.

Mvundla: Hayi mntwanam kuzofuneka sihlale sithandaza khona ukuze naleyo into ye mali ibe yimpumelelo. Noko xa sele usifumene isikolo kungcono.

Nombhobhana: Imali uyiboleke kweyiphi ibhanki?

Bhomoyi: Andiqondi ukuba ikhona ibhanki enokuboleka umntu ofana nam imali. Ikhona into ekuthiwa nguNSFAS enceda abantu abafuna ukufunda qha babe bengenamali. Noko uRhulumente kule minyaka uyazama ukusibonelela thina bantu bangathathi ntweni. Ndizokhe ndifownele omnye umfo endandifunda naye, yena ngoku uphaya eBhayi.

Manyawuza: (Ezamla) Hayi ndiyozela mna ngoku makhe ndilale.

Bhomoyi: (Ephakama) Hayi ke nam mandinishiye ndiyolala, nilale kakuhle siyobonana kusasa.

Nombhobhana: (Ephakama eyovala) Ulale kakuhle bhuti.

***

Khawusixelele: UNombhobhana uthi abantu mabaye esikolweni nokuba imisebenzi inqabe kanjani, uthini wena ngoku?