(UBhomoyi wafika eBhayi zonke izinto zamhambela kakuhle ngenxa yoncedo awalufumana kumhlobo wakhe uSisa. Waba wenza isidanga sakhe kwidyunivesithi iNelson Mandela University elapho eBhayi. Ngoku sele ingunyaka wesibini elapho yaye usaqhuba kakuhle kakhulu. Kwigumbi ahlala kulo uBhomoyi kuhleli yena uzicingela izinto zakhe)

Bhomoyi: Hey kodwa ubomi buyamangalisa nyani, ndim lo namhlanje wenza unyaka wesibini edyunivesithi! Kukho into endiya ndiyiqaphela ngobu bomi sibuphilayo. Umntu ngamnye uba yilento azisikele ukuba uzoba yiyo. Lonto ithethe ukuba mna ndazinceda ngongalinganisi iintanga zam ezi zayeka isikolo kuba zileqa ukuya kuphangela. Noko nam elam ixesha ngoku sele lisondele, into ekufuneka ndiyenze ngoku kukuqiniseka apha ekufundeni iincwadi zam. Ziyaqala kanene iimviwo zokuphela konyaka ingaphelanga le inyanga sikuyo. (Athule abonakale ecinga. Abuye athethe ethubeni) Makhe ndifownele uZine noko lide elithuba ndingasathethi naye.

(UBhomoyi athathe uNomyayi wakhe atsale umnxeba kodwa kungabikho mntu uyiphendulayo. Athi xa ephinda etsala isuke ingaphumeli)
Bhomoyi: Hayibo inoba kwenzeka ntoni ke ngoku? Makhe nditsalele usisi wakhe. (Azame kude kube kathathu uBhomoyi kungekho mpendulo kodwa ethubeni ide iphendulwe). Ndicela uZine wethu sisi. . . Ndiyaxolisa ukukutsalela ngeli xesha. . . Akekho? Ixesha yintsimbi yeshumi elinanye ngoku ebusuku odwa akekho? (Esothuka)

Bhomoyi: Utakile! Inexesha elingakanani isenzeka lonto? Iinyanga ezine! (Abeke uNomyayi engakhange aphinde athethe. Aguquguquke kunzima ukulala kude kuse ebonakala ekhathazeke kakhulu)

***

Khawusixelele: UBhomoyi wehlelwe yinto eyophula intliziyo, zithini ingcinga zakho ngoku?