(KuseMavundleni ngexesha lesidlo sakusasa. Kuhleli uMvundla kunye nenkosikazi yakhe. Bobabini bakhangeleka besibekele ngeyona ndlela).

Mvundla: (Egalela into ephungwayo) Uyivile kodwa tata lanto ibithethwa ngula siyazi?

Mvundla: (Elungisa ukuhlala) Hayi kum nkosikazi kusuke kwamnyama. Kaloku mna nkosikazi bendilindele ukuba sizoxelelwa ukuba ngubani lo usukela umntwana wam.

Manyawuza: (Enika uMvundla amaqebengwana) Hayi kaloku tata ayihambi ngolo hlobo. Oosiyazi kaloku ngabantu apha abanendlela yabo yokuthetha.

Mvundla:Ngoku ke thina sizakuyazela phi loo ndlela yabo yokuthetha?

Manyawuza: (Ehlala phantsi) Kaloku into eseleyo ngoku kukuba thina siyobona uBhomoyi esiBhedlele. Ndiqinisekile yena uzakuyazi yonke lanto ibithethwa nguSiyazi.

Mvundla:Hayi ke xa usitsho nkosikazi, ndiyakuva. Ngoku ubucinga ukuba siye nini ke es’bhedlele?

Manyawuza: Masingaphozisi maseko. Kamnandi besihleli sizakuya ezivenkileni namhlanje.

Mvundla:Inene apho ndimbambe khona lo mthakathi, uyakuyazi into etyiwa ligqirha emva kwecango.

Manyawuza: (Equbula intsini) Njengokuba tata sele usindwa nayintonga le, ungakwazela phi ukubetha umntu? Wena ingathi uyalibala ukuba awusenguye lamntu wawukade unguye. Kaloku iminyaka noko ihambile ngoku.

Mvundla:Ndiyabona ukuba wena unayo indawo endidelelayo ngoku. Khona ngubani okhe wathetha ngokubetha umntu apha?

Manyawuza: Hayi uyandoyikisa ke ngoku xa uthetha ngolo hlobo. Lonto usuke wathetha ingathi sele umazi lo mntu.

Mvundla:Ndifunga amaVundla ephelele, ndizomlungisa lo mntu uzama ukuchitha umzi ka bawo. Lizakutshona elanamhlanje endazi ukuba ndibhinqe ngantoni.

(Aphakame uMvundla ayovulela impahla emfutshane)

***

Khawusixelele: UMvundla uthi uzoziphindezela kulomntu ubulala unyana wakhe, licebo elo lokulwa ububi ngobubi?