(Emzini kaMantshantsha kuhleli yena kunye noZimkhitha. Zimkhitha ubonakala esezintlungwini kakhulu ).

Mantshantsha: Uthi Zimkhitha ikubethela ntoni na le mfenqe-mfenqe inguThozama?

Zimkhitha: Ikhona na makazi enye into kule lali ngaphandle kwale kaBhomoyi. Uthi kaloku mna ndifuna ukumthathela uBhomoyi, eyona nto ke mna bendingayazi nokuba bayathandana.

Mantshantsha: Kodwa ke ukuba inyaniso iyathethwa, oyena mntu ufanele uBhomoyi nguwe lo. UThozama kaloku zange agqibe nebanga eli lesixhenxe kodwa ngoku ufuna abantu abafundileyo.

Zimkhitha: Siyafana nje makazi kuba nam andifundanga, yaye noba bendifundile andiqondi ukuba uBhomoyi ebenokuze andifune.

Mantshantsha: Usuke ube njalo ke wena uzijongele ezantsi, ungcono kakhulu wena kuno Thozama kuba wena noko waliphumelela ibanga lesibhozo.

(Kungene uMaduna engxamile aphazamise incoko)

Maduna: (Esonda ngoZimkhitha) Heke ndakufumana wena wexu-wexu ndini. Ungathini ukubetha umntwana wam umbethela indoda yakhe?

Mantshantsha: (Etsibela uMaduna embamba) Yintoni mfazi ndini le imbi kangaka uyenzayo wakugqiba ukuba mdala? Ungathini ukungena izinto zabantwana wakugqiba ukuba ngumfazi omdala?

Maduna: Oh! Ndiyayibona ke ngoku lento, nguwe mfazi ndini lo uthume lo mntwana ka dadewenu ukuba abethe umntwana wam. Kanti ithuba eli lonke Mantshantsha umithi ukungcola okunje?

Mantshantsha: (Ebufudumala) Heyi mfazi ndini ungakhe ulinge mna uzondigezela emzini wam. Ndingena phi mna kwizinto zokulwa kwabantwana? Ungakhe ulinge mna undiphambanele.

Maduna: (Evutha ngumsindo) Ndiyakuphambanela ngoku wakugqiba ukuthelekisa abantwana?

Mantshantsha: (Abethe uMaduna ngempama) Ndiyakubona ukuba ucinga ukuba ndiyindawo yokuphambanela mna. Ndizakubonisa ke mna ukuba andikoyiki. (Atsho ethatha izamiso emgqebha ngalo).

Maduna: (Ebaleka) Uzakundazi mfazi ndini, uqhele ukwenza ulungelwe. Ugqibelisile ukubetha umntu, ndizakubonisa into endibhinqe ngayo.

Zimkhitha: (Ekhwaza enyembezana) Hayi makazi ungamenzakalisi uzobanjwa.

***

Khawusixelele: Nabo omama abadala nabo bebambana ngezandla, ucinga ukuba imoshakele phi yonke le nto?