(KungoMvulo ezintsukwini ngexesha lesidlo sasemini. Emzini kaMantshantsha kuhleli yena kunye nomhlobokazi wakhe uMaduna. Umantshantsha ugqibezela ukuhlamba iimpahla)

Maduna: Ingathi uyashiywa wena mfazi zizinto zale lali.

Mantshantsha: (Esosula izandla) Uthini na mfazi? Zithini ngoku ezintsha?

Maduna: Andiyazi ukuba ndiyakuhlala ndiphi, ubufanele ukuba uyandibulela kuba kaloku zonke iindaba zale lali usoloko uziva ngam lo.

Mantshantsha: (Ehlala phantsi) Hayi wethu mfazi khawukhe uyeke ezi zinto zakho. Kaloku wena ungcono lo wakho umntwana uyakwazi ukuthuthela iindaba. Mna ke andinaye umntu omane endithuthela ezi ndaba zabantwana.

Maduna: Iindaba ezintsha ke mfazi zithi uBhomoyi ulahliwe yila ntokazi ebesoloko edlisela ngayo. Bathi abazaziyo ke izinto, umfomkhulu akasafuni nokubuya kwelaa Bhayi kuba wonqena ukubona le ntokazi nalo mfana wayo mtsha.

Mantshantsha: (Eqhwaba izandla) yithi uyadlala mfazi. . . UBhomoyi lo ebesoloko ebhijabhijana nala ntombazana iimini ezi! Hayi phofu ubuyelwa zezi zinto zibuhlungu kudala ezenza ebantwaneni babantu.

Maduna: Iinyembezi zabantwana babantu kaloku bezingasoze ziwele phantsi. Kowu ngase ndikhe ndimbone ke lo mntwana ndimbambe isandla, intle gqithi into ayenzileyo.

Mantshantsha: Awuzoyiki ke wena izinto mfazi! Kodwa ke uncedile nyani lo mntwana kuba kaloku ayikho into ibibangela ukuba uBhomoyi ashiye abantwana bethu bebahle apha aleqe umntwana wenye ilali.

Maduna: (Ebonakala ukuba ucinga nzulu) Makhe ndikushiye mfazi akukho mtu kula mzi ndihlala kuwo. (Aphakame ahambe).

Mantshantsha: Uhambe kakuhle mfazi. (Ezithethela yedwa) Lo mfazi kungenzeka kanene ukuba sele encwase ukufaka owakhe umntwana phaya kuBhomoyi. (Eqhwaba izandla) Siii! Akazoyiki ke khona izinto uMaduna, kodwa ke ngubani ebengenofuna ukuba uBhomoyi athandane nentombi yakhe?

***

Khawusixelele: UMaduna noMantshantsha bahlelele ukuthetha ngendaba zabantu, ucinga ntoni ngalo mkhwa wabo?