(Sele ziphelile iiholide zehlobo zabafundi, uBhomoyi sele eneveki ebuyele eBhayi. Kwigumbi ahlala kulo uBhomoyi kuhleli yena nentombi ancuma nayo uSisipho, bobabini babonakala bonwabile).

Sisipho:: (Encamisa uBhomoyi esidleleni) Bendikukhumbula kodwa sthandwa sam, ibingathi azide zivulwe izikolo. Eyona nto imbi kusuke kunqabe nemali le ezilalini.

Bhomoyi: (Esondeza uSisipho kuye) Bendikukhumbula nam sthandwa sam, ibingase ndivele ndibhabhe ndiyotsho kowenu. Mna nawe indlela esithandana ngayo bekungamelanga ukuba sikhe sihlale ixesha elide singabonani.

Sisipho: Kodwa ke asinakuyinceda kuba kunyanzelekile ukuba sigoduke xa kuvalwa izikolo. Into ebalulekileyo kukuba sithembane qha, xa sithembana singatsho siyeke nokuxabana oko.

Bhomoyi: (Abambe isandla sika Sisipho asiqinise) Ndinalo kodwa mna sthandwa sam icebo… Kunganjani xa wena umane ugodukela ekhaya? Okanye siyozakhela ityotyombe eGcuwa sihlale sobabini? Ungaphela unyaka sinabantwana abathathu.

(Bobabini bahleke)

Sisipho: Njengokuba sobabini singaphangeli nje, kungatyiwa ntoni kwelo tyotyombe? Khona abantwana sibatyise ntoni bona?

Bhomoyi: Mna ke uyayazi ukuba xa kukho wena zonke izinto ziphelele, andilambi nolamba xa ndihleli nawe.

Sisipho:: (Ehleka) Ungatsho nje ukuba singabulawa yindlala kuloo mzi wethu! Uncede undixelele kwangoku khona ukuze ndingabi saya eGcuwa.

Bhomoyi: Makhe siyeke ukudlala ngoku sikhe sithethe izinto ezibhadlileyo. Ndiyakuthanda Sisipho yaye ndifuna uhlale uyazi ukuba mna ndithanda wena wedwa soze abekho omnye umntu.

Sisipho: Ndiyakuthanda nam yaye ndiyakuqinisekisa ukuba soze ndikuphoxe. Ayikho indoda eyakuze ithathe indawo yakho entliziyweni yam, ndicela undithembe. (Ajonge ixesha) Yhuu ulibonile ixesha? Ungalibali ukuya entlanganisweni.

Bhomoyi: (Aphakame engxamile athathe umqulu wakhe. Phambi kokuba aphume aqale ancamise uSisipho) Usale kakuhle sthandwa sam ndizokhawuleza ndibuye (Atsho ephuma).

***

Khawusixelele: Ingaba UBhomoyi ude wamfumana owakhe osenyongweni apha kuSisipho?