Intsuku zifana nobusika ehlotyeni,
Nditsho indlela ezathusa ngayo.
Kaloku uboqonda uthando luba ngumkhenkce ngenxa yexesha.

Ubusazi na?

Andinaw’leqa ukuzathuza,
Kodwa wena ubufathuza,
Ukukushiya ndiyokhangela umchiza wokusiphilisa,
Usuke wabaludondondolo kumalozolo.

Ubusazi na?

Kuqala usibambile isandla sam njengentyeya.
Kodwa uphulukanise mna nobumna ndafumana ubunye kuwe.
Ukukuthemba kundilahlise ukuzithemba mna.

Ubusazi na?

Wehle ngokwe oli phezu komzimba wam,
Wawuhlutha umphefumlo wam.
Suke ndaba yozo-yozo,
Ndaba yintshani kwilephile.

Ubusazi na?

Ndabangumthathi kumlotha,
Kodwa wena undibamba kwizimokolo,
Wenze ndazibona ndimthwebesha nampatsha-mpatsha ngokwengubo zomkhwetha,
Undambathise ezirhwexayo.

Ubusazi na?

Kaloku ubulithemba neqhayiya kulo ntyiziyo imsulwa,
Bendivathe ezobukrwala ngochwayito,
Undiqwayitile ngothando.
Undenze ze ngothando.

Ubusazi na?

Kodwa ke ndibe liplanga kumchweli,
Wena ubusisando nesikhonkwani kum,
Uthando belungumchweli wamaplanga.

Ubusazi na?

Ihlampephe alikho,
Uhodoshe akakho.
Umlilo ucinywa ngendiza ngenxa yentswela-lwazi.
Kakade ubuyincwadi engenatayitile,
Bekunzima ukuyila.

Ubusazi na?