Nteng’ ntengu macetyana
Yazi ukuba abantwana babantu benzentoni na?
Kubuhlungu ukushiywa ngabadlali bethu sijongile.
Ngenelela Somadinga omhle ukhusele imveku zakhu.
Kowu! Kubi kweliqela lezemidlalo,
Sipheka enye ngomhluzi wenye.

Yimfeketho ke ukulila phezu emswaneni.
Masibakhululeni bayakuphumla.
Kwinkalo zobubomi baphunyuziwe.
Kowu! Yini lamatyendyana abafana,
Esaze ngobuso elizweni.
Yinko Nkosi bajonge kuwe abantwana bakho.
Izolo ibingulowa namhlanje ngulona,
Yini Nkosi bayiphazamephi ubabonise indlela.
Pheza kaloku somadinga amhle,
Khawukhe ubakhusele kwelixhwile lexaxavithi lexelegu likukufa.
Ubona nje kufa awoneli kodwa.

Siyakucela soMandla siyakucela mzali wethu khusela intsana zakho.
Kuba ngasa babhuqwa zinqwelo mafutha.
Awuvakalelwa kwisini na kufa.
Uxoliswa ngantoni na wena lento,
Ungenalo usizi.
Aphela amakhaya zatshabala imveku,
Owu! Bazoshiyeka nabani abazili namakhaya ethu.

Ubona nje kufa ndiyakuqalekisa
ubona nje kufa ungungcungcuthekisi.
Khuphalele okanye kuchitheke igazi,
Lo mntwana kabani ukuze wonezeke.
Ubona nje asikagqibi nalena ye ntsholongwane iKhorona,
Kodwa usasidlakaza imiphefumlo.

Hamba kakuhle mdlali wethu.
Hamba kakuhle owakho umsebenzi uwufezile.
Mkhululeni ayokuphumla ugqatso ulufezile.
Ngxe zihlobo nezalamani nale iyedlula.