Induku entle yagawulwa ezizweni

Induku entle igawulwa emazweni
Ngenene nangenyaniso, ndamthanda ndiqala ukumbona.
Hayi kambe ukuzigqatsa nokuziveza,
Bendingubani na kanene mna?
Ndithetha ngobuciko nobuqhwaga bam.
Mandiqhube kuba yonke lento sendiyiqalile.

Ndibave besithi yhoo uzinkqikela ility’ elinembovane,
Wab’ esitsho nomnye kow’ uzakuyibeleka ikrwempa.
Ndothuke ndakhwanqiseka xa bebiza igama lam,
Tshini ndasuke ndatyhafa amadolo,
Ndabajwa yidyudu kodwa ndizomeleze ngelithi indlovu ayisindwa ngumboko wayo.

Kuyala ukuba mandiwuvale owam,
Umlomo kuba wasikwa waphola.
Kuyala ukuba mandithule xana ndibona yena,
Intokazi ekhululekileyo xakumondela,
Itsho indlu ihlokome yintswahla.
Intyatyambo eqhakaza okwebhelu lomsele,
Andithethi ke kodwa ngobuponi,
Ndingabalula bani ngongangabantwana.
Intokazi ethi chuu xana inyathela.

Ubone ingathi kunyathel’ uKhonkolo!
Ukutsho ke ndithetha ngekhwezi nenkwekhwezi yangomso,
Ukutsho ke ndithetha ngoMakhwekhwetha,
Udiza- dala kade bemqongqotha,
Udiza-dala kade bemkhwahlaza.
Owu! Induku entle igawulwa emazweni.

Ngunina ehleli, umvudl’ uzek’ indlela.
Ngokuncuma kwakhe kwaziwa ngunina;
Yen’ usoloko ejonge umonde nomanyano.
Nditsho intyatyambo yam makwedini.

Lixhakaxhaka lengxongxosi okwexhalanga
Yintyatyambo entle okwengwe izindla ngamabala ayo.
Yingilosi entsha usomaxhaka;
Uxholovane wenkudl’ ukuxoxa.

Yingqwayingqwayi yegqwethakazi,
Elagqwetha amaqothaqikili kwaqhawuka unobathana,
Yarhwempa yarhwaqel’ imigqutsuba.
Nguye ke lowo ubhabha wam.
Kowu; Ndamthanda ndiqala ukumbona,
Ngenene nangenyaniso induku entle igawulwa ezizweni,
Ndamthanda ndiqala ukumbona.