Amadolo seyigukuquke azinyawo
Umqolo umilise okwesirhele sirhempul’ idobo,
“Thixo wemimangaliso isendim kwakhona ndiza phambi kobuso bakho nemithwalo yam”
Amehl’ antywilil kwichibi lwenyembezi zemihla ngemihla
Ingqondo ikhalele, intliziyo ikwidangatya lomlilo ilangazalela uYehova idlavuke injalo lithemba.

“Bawo uyaziva na izikhalo zam?” umbuzo uhlab’ uphindelela ushiye ithemba livuza lusale ukholo lusoma ngumoya wenkohlakalo

“Koba nini ndicela ndingaphiwa!?”
Sekulithuba ndinkqonkqoza kodwa ndingavulelwa,
Okanye mna andinguye omnye waba bathi bakunkqonkqoza bavulelwe!?

Njengo moni ndazamkela izono zam,
Ndaziphakamisa izandla zam,
Ndayiqhekeza intliziyo ndamkela
Ey! umoya oyingcwele ndakholosa kuwe ngoko Bawo ndenze ndibone ubukho bakho, ndisive isandi somoya wakho
Ndivuthamelane luthando noxolo ndizokwazi ukungqina ngawe ngokupheleleyo.