Xa kunje kuthi mandilukrwitshe
Ndilubambe ngobhongwane lube ngumbhobho.
Wokudlulis’ amanz’ amazw’ asuk’ entliziyweni.
Ndidandalazise ndiphic’ imfihlelo.
Ndinyov’ inyewe ndingafihlisi.

Nangok’ ilizwe lonakele!
Kwakungenje mandulo konakele phi na?
Umzali wayebelek’ usan’ abon’ ugqirh’ abon’ utitshala.
Namhl’ ubelek’ aluhlambe ngeenyembezi.
Kazi mntwanam uyakuba yintoni na kulomhlaba?

Kwakuba nj’ olwam usiba luyagula.
Lunyakamelwe yintliziyo lufun’ ukuphalaza
Kakad’ olwam usib’ alunyamezel’ amanyala.
Kakad’ olwam usib’ aluthwal’ amanyundululu.
Luyakhawulez’ ukuphalaza lwakonela.

Ndibon’ umzal’ elizwa ngomntwana.
Ndabon’ umntwan’ ethumel’ umzal’ entolongweni.
Ndibon’ umzal’ elizwa ngomntwana.
Ndabon’ umntwan’ ethumel’ umzal’ engcwabeni.
Ndibon’ umzal’ elizwa ngomntwana.
Ndabon’ umntwan’ ehlukumez’ umzali.

Lunje ke olwam usib’ ukunganyamezeli.
Luphalaza konyany’ iziyatha.
Zixokozele zithi ndiyatywabaza.
Luphalaz’ iingqondi zizuze nto.
Zithi yingxatsh’ umzi kaPhal’ usindile.
Kodwa lwakuphalaza ke luphalazile.
Luphalazile nje luphalazileeeeeeeee……….