Mzantsi Afrika ndixhwalekile
Umphefumlo wam waphukile
Kub’ isizwe sitshabalele
Ngenene nangenyaniso ndibona usizi.

Ndiyazibona iingqimba zamafu zikhawulelana.
Ayanaba amathunz’ obumnyama kuyahlwa
Ubudlobongela buqatsele amathemba ayaphela.
Igazi liyema kukufutshane emlimandleleni.
Nqanda sizwe soMzantsi Afrika singatshabalali.

Owu! Laphel’ ilizwe labhokoxeka lajong’ ezantsi nikho!
Watyeshelw’ Umqulu nomgaqo-siseko
nadla imu nithokombisilele,
Ngaba nithengiwe kwisini na?

Luphi na umanyano xa kunjena?
Buphi na ubuntu xa kunjena?
Iphi na intsebenziswano xa kunjena?
Akusekho naloo nimba na kuni ?
Baphela ubucik’ kwinkokheli,
Kwavel’ ubulwanyana.

Bavuthamelana ubudlobongela kwangamasikizi.
Mzantsi Afrika kwaxhelw’ exhukwane niphi na xa kunje?
Yahluthwa imisebenzi ezandleni sisayolelwe.
Ngaba sibethwa ngemf’ iphindiwe kwisini na?.

Mela madoda mela zithwalandwe
zoMzantsi Afrika.
Sivela kude zidwesha zomz’ omkhulu.
Inene kungafa intaka enkulu amaqanda ayabola.
Isezinyembezi ,lukhedamo nencithekogazi,
Sisamumath’ iimibuzo ngobu bundlobengela.
Phendulani kaloku zinkokheli konakele phi na?
Ngaba nithungw’ imilomo lento nithe cwaka nje?
Anivakalelwa na yile mpalalo gazi?
Anivakalelwa na lolunxunguphalo?
Sicela umanyano, intsebenziswano kunye noxolo ma-Afrika.
Umanyano ngama-a-ndla!!!
Nqanda sizwe soMzantsi Afrika singatshabalali.
Isisele senyathi