Hayi kambe ukuthanda ukuziveza,
Buzani ku Wanda andinalwazi luphangaleleyo.
Phofu! Bendingubani na ke mna?
Hayi ukutshintsha kwabantu,
Ndithetha ngobugqi kubantu bale mihla.

Bantu bakowethu thethani, ndone phi? Siyilungise,
Bantu bakowethu thethani, ndone bani ndizongxengxeza.
Ndithetha ngantoni xa ndingathethi ngovelwano nobuntu?
Baya phi na ubuntu kumlisela nomthinjana wezwe lakowethu?
Inene akukho qili linokuzikhotha umhlana.

Ndimkelw’ zingqondo nje ndabona into kwakungamelanga ndiyibone khona.
Ndijijeke izandla nje ndaphatha apho kwakungamelanga ndiphathe khona.
Ndijingxela nje ndanyathela apho kwakungamelanga ndinyathele khona.
Ndivuz’ izinkcwe nje ndahluthwa inqatha emlonyeni.
Ndisitsho nje ndiv’ umthwalo emagxeni,
Ndisitsho nje ndiv’ amathumbu exuxuzela.
Edloba nj’ amathal’ avintlutha konina.

Ndehla ndisonyuka ndizama ukulwa intlupheko,
Ndithi ndisecaweni, ndibe ndikogqirha.
Kodw’ ayide iphele yona intlupheko.
Kodw’ azide ziphele zona intshutshiso.
Kodw’ azide ziphele zona intlungu.
Phofu ithemba lona lingangenkcukuthu.

Uthe utata makube lilishwa lomshologu,
Ndeva usiyazi esithi mhlawumbi lishologu.
Zehla inyembezi, kodwa iintetha zisiwa ngokuwa.
Ngenxa yembeko, ubuntu, ubukhalipha, nokuzizamela ndizakhele utshaba.
Inene ukuzalwa wedwa ngumlu wanyama.
Abaninzi bayandicalula kubo,
Bandikhumbuza ngobukhaya nesimo sabo.

Inene impumelel’ ifunyanwa ngoo Mpumelelo.
Limkil’ ibhongo kwaneqhayiya.
Masibambisaneni kaloku bantwana bomthonyama.
Inene kundehlele… Okundehleleyo.