Yingxaki yingxubakaxaka
Kub’ ilizwe liyaphalala
Ziinkokheli niqhel’ ukunqanda kungamantsintsintsi,
Nangowo lo mzuzu khaninqandeni.

Ndithetha ngantoni xa ndingathethi ngobundlobongela?
Kanti yintoni na le igwayimbisa uluntu?
Kubangasa izithuthi zintunyekwa ngemililo.

Kaloku nilukuhle iinkokheli zacinga ngazo neentsana zazo kuphela,
Sashiyeka singqubana ngeentloko,
Sibuzana ngelahleko.
Kukude engqinibeni kuba asikagqibi nale yolwanyulo kwesisixeko.

Kuthethiwe ngolwakhiwo lwamazik’ omtheth’ ukuze behl’ ubundlobongela
Kuthethiwe kwathenjiswa ngentlawulo nokhuseleko kwabo bazigqatse’’ uphuhliso nentsebenziswano kunye nabakwa ntsasana.
Umkhuhlana ongendaw’ ohambe ‘ utshabalalisa de watshabalalis’ ilizwe
Wayibona ngenen’ owayibonayo le nto yorhwaphilizo,
Kamb’ ubungozi beli zembe linobuzaza
Kuba ngoku litshabalalisa de litshabalalise nezo ngcambu na kakade
Nto leyo eyenza lume uphuhliso kuwo onk’ amaseb’ esizwe.
Ubuqawuqawuli bobundlobongela bufuna kwale mali bayihlisa ngemilenze.

Kowu! Ubona nje ngumazixhwithele nakwezo mali zohlengahlengiso zika rhulumente,
Kuba kusuka kubeyinto ka kanina, mzala no dadobawo.
Ukuba awaziwa okanye awuzimiselanga kunyoba, chitha utyiwe.

Masingahlukani neengcinga zethu kaloku maqhawe loo nteth’ inamandla
Yon’ ethethw’ imihla nezolo ngabo baselulawulweni
Yon’ eselithathwa njengenteth’ esisithethe kuluntu lalomandla.
Umanyano lulodwa luyasakh’ isixeko
Kusakhe de sibubon’ obona bungqina
Sitsho singqine ngamxhelo mnye sonke sisithi ubumbano ngama-a-ndla!!