Ndonakele entliziyweni

Ndidandathekil’emphufumlweni

Lentw’indixhel’umxhelo

Indixhokon’amanxeba

Lento ukukufa yinton engaqhelekanga apha kumzi kaXhosa.Yinto egqugqisa imini nobusuku.Intsapho ezininzi zisantywizisa imnyembezi kukulahlekelwa ngabantu abasenyongweni.

Kuthi apho kufika khona kushiye umzali wenxeba elingasoze liphole.Xa kunamhlanje intliziyo yam idandathekile kukushiywa ngumntu endimxabisile.Andizukaba mde kakhulu kuba ndonakele ngaphakathi entliziyweni yam.

Lala ngoxolo Nala,Mpembe, Ndzimangwenya.

Usizimele sisakonwabele ukuhlala nawe.Sohlala sikukhumbula ngamaxesha onke.

E.Hlwayi