UAyanda wathi nyubelele waya ethekweni phofu ezimele umama wakhe engazi ngesi senzo. Unethemba lokuba uSima uza kuba elapho ukuze azityand’ igila kuye. Emva kokuthi laqa nje iibhiya ezimbalwa, lavuth’ ibhayi, akwabikho nto ihamba kakuhle. Ngentsasa elandelayo uSima unomsindo, akafuni nokuthetha naye kwaye yena akakhumbuli nokuba kwenzeke ntoni na kuXolani. Ingaba uAyanda uza kulahlekelwa na nothando lukaSima, kwakhona ingaba uza kuphelelwa na nabubuhlobo noXolani konke oku nje ngobo busuku bunye?
This story is also available in English: Love and Friendship