“Sala kakuhle, Ayanda. Enkosi ngokundikhapha uhambe nam ndide ndize kufika ekhaya”. Ndandimbona kakuhle ukuba ibhabhalaza yayimphethe njengam.
“Sima, singanceda sidibane evenkileni ngale mva kwemini? Ndidinga ukuthetha nawe,” ndatsho ndingxengxeza, ndimcenga.
“Hayi. Sala kakuhle, Ayanda. KungeCawa namhlanje, kufuneka ndiphumle,” watsho uSima, esokola kwakuvula ucango olo lwakowabo olwalutshixiwe.
“Khawume khe ndikuncede apho ekuluvuleni.” Wandinika isitshixo ngaphandle kwamathandabuzo, emi emva kwam esonge izandla zilapha esifubeni sakhe.
Zange lindisokolise nokundisokolisa ukulivula olo cango lwalutshixiwe. USima wavela wahlutha isitshixo sakhe, wandibulela waza wangena endlwini.
“Yima Sima, ndilibele ukuthabatha inombolo yakho entsha izolo,” ndatsho ndikhupha ifowuni yam ndilungele ukufaka inombolo leyo yakhe.
“Siya kuthetha ngomso esikolweni, Ayanda. Umama angafika naninina ngoku,” Watsho uSima.
Ndamjonga ndambuka uSima engena endlwini kowabo kodwa yena akazange abheke nokubheka. Endleleni egodukayo ndandibaleka kuba umama wayengafika naninina. Ndandingazi ukuba ndingathi ndivela phi na xa umama ebenokufika phambi kwam.
Ndathi ndakufika ekhaya ndaya nqo egumbini lam lokulala, ndaza ndathi sa iincwadi zam zokufunda apha phezu kwedesika awayesandul’ ukundithengela yona umama kwiiveki ezimbalwa ezudlulileyo ukwenzela ukuba ndisebenzise yona xa ndifunda endaweni yokusebenzisa itafile yokuphungela ekwigumbi lokuhlala kuba ndandiphela ndibukela umabonakude ngaphezu kokuba ndifunde.
Ndakhulula iimpahla zam ndaza ndangena ezingubeni kwakhona. Kwathi xa buqala ukufika ubuthongo ndamva umama engena endlwini.
“Ayanda! Ayanda! Usalele nyana wam?” Watsho umama ekhwaza emi emnyango kwigumbi lam lokulala.
“Besele ndiza kuvuka Mama. Ungangena ngaphakathi,” ndatsho ndizamla ndizolula nokuzolula iingalo ezi zam.
Umama waluvula kancinci ucango wakroba nje kancinci efake nje ntloko. “Ulele njani nyana wam?”
“Ndilele kamnandi mama, wena? Bekunjani emsebenzini?” Ndabuza. Ndandimangalisiwe ndibhidekile yindlela avele waxhalaba ngayo umama.
Ngezinye iintsasa xa ebesenza ebusuku, wayevela angene endlini ze aye nqo egumbini lakhe lokulala xa mna ndisalele. Ndandisoyikisela into yokuba ingabi kanti kukho umntu omxeleleyo ngetheko ebendiye kulo ngephezolo.
“Ibibubusuku obuxakekileyo kakhulu nyana wam. Izinto ezenziwa ngabantwana abangoontanga benu kule mihla. Yiza siye kuncokola egumbini lokuhlala,” watsho umama evala ucango.
Ndithe ndakugqiba ukunxiba, ndaya egumbini lokuhlamba. Ndafika apho ndahlamba ubuso kwakunye namazinyo. Ndithe ndakwaneliseka yinkangeleko yam kwanevumba eli lokuphefumla kwam, ndaya kuhlala nomama egumbini lokuhlala. Ndabulela iNkosi ukuba efike sele ndimkhaphile ndamgodusa uSima.
“Inkwenkwe entanga nye nawe ihlatywe apha esifubeni, igciniwe yaza yalaliswa esibhedlele phezolo,” wabalisa watsho umama.
“Ingaba uyazi ukuba bekwenzeke ntoni na, mama?” Ndabuza.
“Ngokwengxelo kuthiwa ihlatywe xa ibisela ethaveni nabahlobo bayo. Ilahlekelwe ligazi elininzi kuba ibinxilile. Ndiye ndanosizi kakhulu xa ndibona umama wayo egixa, eyililela ngeli lixa oogqirha bebezama oko banako ukuze basindise ubomi bayo. Ndithembise Ayanda nyana wam, ndithembise ukuba awusoze ubusele utywala. Ndithembise ukuba uya kusoloko ukhokelise izifundo zakho phambili. Ndithembise ukuba uya kusoloko undenza umama ozingcayo ngawe.”
Ndatyiwa sisazela sokuba ndandiselile nam ethekweni ngeli lixa umama esebenza nzima ebusuku. Umama wayeyinto yonke kum kwaye ndandingafuni kwenza nto eza kumenzakalisa emphefumlweni.
“Ndiyathembisa mama andisoze ndisele kwaye ndiyathembisa ukuba ndiya kusoloko ndibeke izifundo zam phambili kuyo yonke into endiyenzayo.”
***
Khawusixelele: Ucinga ntoni ngale nto yenziwa nguAyanda yokuxokisa umama wakhe?