Usuku olulandelayo yayinguMvulo kwaye ngeMivulo kwesi sikolo sasisoloko sisiya kudibana eholweni ukuze kuqalwe iveki ngomthandazo. Ndandileyithi esikolweni ngaloo mini kodwa ndaba nethamsanqa kuba uMnumzana uGonono wayengekawuqalisi umthandazo kuba ukuba wayesewuqalisile ndandingazi kuvunyelwa ukuba ndingene esikolweni de agqibe ukuthandaza. Abafundi abafika emva komthandazo babesahlulelwa iiklasi ababeza kuthi bazitshayele ukuphuma kwesikolo.

UMnumzana Gonono wayeyinqununu yesikolo sethu ekwangumfundisi wezakwalizwi ecaweni yakhe. Wayesoloko edlamkile ngeentsasa zeMivulo kangangokuba ndandisoloko ndinqwenela ukuba andiphungulele amandla akhe awayenawo ngezo ntsuku. Ngala Mvulo endandileyithi ngawo umoya wakhe wawuphantsi. Wayengawadaniseli njengesiqhelo namaculo esasiwacula.

UMnumzana Gonono waphakamisa isandla esasibambe iBhayibhile nathi sayeka ukucula sathula.

“Valani amehlo, nicimele bantwana bam,” watsho uMnumzana uGonono waqalisa ukuthandaza. “Bawo Thixo Mthetheleli wethu, siyazithoba sicela ukukhokelwa nguwe xa siqala le veki. Sicela ukuba ube neetitshala zethu xa zidlulisela ulwazi kubafundi zibafundisa. Yiba nabo bonke abasebenzi abaqinisekisa ukuba isikolo sethu sikhuselekile kwaye sicocekile ngokunjalo. Vula iindlebe zabafundi bethu ukuze baluve balwamkele ulwazi nezakhono abazixwayiswayo kwizifundo zabo kuba oko kuya kwenza ukuba baphumelele ezifundweni zabo. Owu Bawo wethu oseZulwini sicela ukuba uvule iindlebe zabafundi bethu ukuze bamamele abazali babo xa bebabonisa ezona ndlela zizizo.  Owu Bawo wethu oseZulwini ndiyaziqalekisa iithaveni ezithengisela abantwana bethu utywala. Nkosi yam, omnye wabafundi bethu beBakala le 12 akakakho apha esikolweni namhlanje kuba ulwela ubomi bakhe esibhedlele ukuze abe nokuphila. Siya kuthandaza ukuba usikelele izandla zoogqirha nezabo bonke abasebenza ezibhedlele bengaphumli ukuze babe nokusindisa ubomi bakhe, egameni lika Yesu Krestu iNkosi yethu, Amen”

Akugqiba ukuthandaza UMnumzana Gonono, ndabheka-bheka ndikhangela uXolani. Ndandingambonanga ukungena kwam eholweni. Ndandicinga ukuba ndiza kumbona kuba wayesoloko esima mgemva xa sidibene sonke eholweni.

“Bafundi, omnye wenu, uXolani Mpiyakhe, usesibhedlele. Sifowunelwe ngumama wakhe kwangentseni kusasa nje. Uhlatywe ethaveni ngobusuku bangoMgqibelo,” watsho uMnumzana Gonono. Nincede nimbeke emithandazweni xa nithandaza. Ningahamba niye eziklasini ke ngoku.”

Ndothuka kukuva ukuba inkwenkwe umama awayethetha ngayo yayinguXolani. Ndathi akuthi cwaka ngeCawa engandifowunanga nokufowuna, andacingela nto imbi eyehlileyo. Umama wayengamazi uXolani kuba wayengayivumeli into yokuba ndize nabahlobo apha endlwini. Andizange ndikwazi ukubeka ingqondo yam ezifundweni kumaxesha asikelwe izifundo ezine zokuqala, kwathi ndingekalindeli, yabe sele ilixesha lokuya elantshini.

Yayishushu le mini, ndaya kwayama kudonga esasithanda ukwayamama kulo xa sikunye noXolani. UAnathi noSima beza apha kum.

“Molo Ayanda,” watsho uAnathi. USima yena wayethe cwaka.

“Molweni,” ndatsho.

“Ndilusizi ngento eyenzeke kuXolani. Yonke le nto yenzekileyo yenzeke ngenxa yam,” watsho uAnathi.

“Kungenxa yakho njani? Kanti ebengahlatywanga esethaveni?” Ndabuza.

“Ewe,” watsho uAnathi amehlo akhe egcwala iinyembezi, “Inokuba awusakhumbuli ukuba nina benisela ibhiya ngokungathi nisela amanzi. Emva koko wena uye wathi uyagodola. Uthe uza kuya kulanda ijezi yakho ze ubuye emva kwemizuzu elishumi elinesihlanu. USima ucele ukuba ahambe nawe naza nahamba ke.”

“Nihambile ke naza nathabatha ixesha elide ningabuyi. UXolani uye ke yena waphelelwa ngumonde. Uye wafuna ukuba siye kunikhangela kowenu. Besiphelelwa nabubutywala ndaza ndacela uXolani noosisi bam ukuba bandikhaphe ndiye ethaveni. Andazi ukuba kuye kwenzeka ntoni na kanye kanye ngaphakathi, uthe ephuma wabe eligazi nje esopha apha esifubeni …” Wakhala uAnathi engakwazi nokuzibamba. USima wambamba naye ke phofu egixa.

Ndema apho, ibuhlungu intliziyo yam ndingazi nokuba mandithini na. USima wajika umzimba kaAnathi bahamba bendishiya apho.

***

Khawusixelele: Ingaba ucinga ukuba kungenxa kaAnathi ukuba kwenzeke esi sehlo?