“Ayanda! Ayanda!” Watsho uSima, endishukumisa. “Vuka!” “Vuka!”
Intloko yam yayinzima kwaye iqaqamba, yayingathi iza kuqhushumba. Kancinci, kancinci ndavula amehlo. Iimpahla zam nezikaSima zaziphantsi emgangathweni. USima yenawayehleli ekupheleni kwebhedi. Iinyawo zakhe zaziphezu kwemethi. Ndaqaphela ukuba ndandingakhumbuli ukuba kwakwenzeke ntoni na ngephezolo.
“Buya uze kulala, kaloku Sima. Kuyabanda kwaye kusemnyama phandle,” ndatsho ndibambe iingubo ezazifikelele entanyeni yam, ndisitsho ndilala ngomqolo.
“Hayi Ayanda, vuka. Ixesha yintsimbi yesi 6 ekuseni ngoku kwaye ndifuna ukugoduka. Ndicela ukuba undikhaphe ndigoduke phambi kokuba umama abuye abone ukuba khange ndilale ekhaya phezolo,” watsho uSima, ilizwi lakhe lingathi lilizwi lomntu oza kulila.
Kwakubanda kakhulu ngaloo ntsasa. USima wathabatha enye ingubo wazibhijela ngayo, wawombathisa umzimba wakhe owawuze. Kwakucace gca ukuba wayengazi kubuyela ebhedini. Wagoba waphakamisa iimpahla zethu ezaziphantsi. Waziphosa ezam phezu kwebhedi.
Wandithi ntsho eyibambe nkqi ingubo eyayibhijele umzimba wakhe. Ndaqonda ukuba akazi kuyiyeka ngaphandle kokuba ndijonge kude. Ndahlekela phantsi ndimangele ukuba bendiza kubona ntoni na ebendingasele ndiyibonile na kanene. Ndazigquma ngeengubo ndayiva nale ebeyombathile isongezeka apha phezu kwebhedi.
USima wanxiba ngokukhawuleza waza wathi akugqiba waya esipilini wazilunga-lungisa ubuso bakhe ukuze bubukeke. Zange atsho nelimdaka kum. Ndaqalisa ukuziva nam ndingakhululekanga ndaza ndanxiba.
Ndondlula ibhedi yam ndaza ndaya kuSima owayebhrasha iinwele zakhe. Ndema emva kwakhe ndajonga ndabuka ukubonakala kwethu okwakusesipilini. Ndandifuna ukumbamba kodwa wandijonga ngaloo mehlo athi “ungakhe ulinge uyicinge nokuyicinga ke loo nto”.
Ndamangala ukuba ingaba wayeyazi na into yokuba okokoko ndamthanda. Andizange khe ndimxelele uSima ukuba ndiziva njani na ngaye kodwa ngoku ndim lo, ndifuna ukumbamba ukususela ngasemva ngeli lixa ebhrasha iinwelw zakhe phambi kwesipili. Yonke into yenzeke ngephanyazo ukususela izolo, kangangokuba andikhumbuli kakuhle nokuba kwenzeke ntoni na ukuze sigqibele sesivuka kunye kule bhedi yam. Ndaziva kuyinto ebalulekileyo ukuba ndimazise uSima ukuba bendingafuni ukulala nje naye.
“Ndiyakuthanda, Sima”. Ndatsho, ndimjonge ntsho emehlweni akhe ayesipilini. Wema wayeka ukubhrasha iinwele zakhe, ibhrashi phofu isesentloko.
Wathula kodwa indlela andijonga ngayo yandenza uvalo.
“Okokoko ndakuthanda Sima.” Ndaqhubekeka ndisitsho. “Ukususela kusuku lokuqala nda-”
USima wajika wandijonga. “Bekufuneka ulinde ukuba ndide ndinxile, undifake ebhedini yakho ukuze undixelele?” Wabuza ecaphukile.
“Intoni? Hayi, hayi Sima, akunjalo.” Ndatsho ndimangalisiwe.
“Injani kanti le nto? Kunini sisazana, Ayanda? Khange ube namaxesha amaninzi wokuba undixelele?” Watsho uSima. Wayekhathazekile kwaye wayenomsindo. Ilizwi lakhe lalisiya liphakama ngokuphakama.
“Sima khawuncede umamele, awuyiqondi le nto. Ndi-”
“Utheni? Utheni Ayanda? Nina makhwenkwe niyafana nonke, maan. Into eniyaziyo kukungenisa amantombazana ezibhedini enizithengelwe ngabazali benu ukuze ni-” Watsho ekhwaza ejonge nqo ebusweni bam.
“Sima bendisoyika!” Ndakhwaza,noSima watsho wathula. “Bendisoyika, uyeva ke? Bendisoyika ukuba ungandamkeli.”
“Uyazi yintoni? Khawundikhaphe ndigoduke, Ayanda. Akukho nto yimbi endiza kuphinda ndiyithethe nawe.” Watsho uSima esiya ngasemnyango
“Sima khawu … singathetha ke oku kokuthetha. Nokuba sithetha endleleni eya kowenu.” Ndamcenga ngeli lixa siphuma ekhaya, ndatshixa ucango negeyithi emva kwethu.
“Akukho nto esiza kuthetha ngayo apha, Ayanda. Intloko yam ibuhlungu ngeyona ndlela, iyangongoza kwaye andifuni ukuba umama afike kuqala kunam ekhaya, andifuni abe sele endilindele xa ndifika, watsho uSima.
Ndamkhapha sithe cwaka endleleni eya kowabo. Nam ndandiyekile nokuzama ukuba sincokole.
***
Khawusixelele: Ngowawenzeni wena ukuba wawunguAyanda?