Uyalazi elakho igama
Walinikwa ngee-njongo ekhaya
Kulomhlamb’umagad’ahlabayo wazizela uwedwa
Ungathanga qhiw’umhlobo ngesandla
Wawungenaye nosenyongweni
Hlala unguwe

Ukubanguwe akusosono
Ukubanguwe kukuzazi ubuwena bakho
Kukuziphelela ubomi bakho ngendlela yakho
Kukuhlala usazi imvelaphi yakho
Ukungaphili ubomi obuphilwa ngabanye abantu
Yibanguwe!

Ewe noxa zifika izivunguvungu ebomini
Kwanee-ntlungu ,ububi ,ubunzima
Kodwa hlala unguwe
Unyamezele Sele kukubi
Womelele Sele kunzima
Hlala unguwe !

Kulomhlaba umanyumnyezi bukhona ubunzima
Kobubomi zikhona iintlungu
Obubomi bunamaqhinga nobuqhophololo nqwa nodyakalashe
Obubomi buyingxubakaxaka buxakile
Kodwa lonto mayingabuchaphazeli ubuwena bakho

Ukuzazi ngundoqo kwaye lonto soze yakulahlekisa
Ukubanguwe yonke imihla yobomi bakho akusosono
Yibanguwe ubenebhongo neqhayiya ngawe
Uzidle ngobuwena bakho

Yibanguwe uzothandwa
Yibanguwe uzokwamnkelwa
Yibanguwe uzokonwaba