Lo mqokozo undithwalise wona ungapha kwamandla wam.
Ndiyazama ukungabinguye lo mntu ndinguye kodwa ndiyehluleka.
Ndenze nam ndifane nabanye abantu,
Ndenze nam ndikwazi ukuxolela yaye ndikwazi nokulibala.
Ewe ndiyavuma yaye ndiyayazi umenzi uyakhohlwa kodwa umenziwa akakhohlwa.

Uwutyhutyha tyhutyhile umzimba wam,
Wayidlakaza inyama yam, ndashiyeka
Ndingumpha ochutywe walahlwa phofu ndizibona ndingumcephe ucandiwe.

Ntliziyo’ndini ungumkhohlisi nam ndiyakholwa.
Ntiyondini ungungcungcuthekisi nam ndiyabona.
Sikhohlakalindini khukhumala umkhulu yaye uzingomba amacala.
Inene othe wamjamela uzibhudile izingqi.

Ndiyazi yaye ndiyavuma ndizenzile impazamo,
Ndiphambukile endleleni, ndakushiya nengcinga nemibuzo.

Andinguye lo mntu ubucinga ukuba ndinguye.
Ndingeyiyo nalento ubucinga ukuba ndiyiyo.
Kodwa ngenxa yentetha nezenzo zam ndibonakala nje ngomntu, endinguye.
Lo mqokozo undithwalise wona ungapha kwamadla wam.
Unditheze amadla wandishiya namasebe engavelisi ziqhamo.

Ndililolo ngenxa yesimo nendlela endijongeka ngayo.
Ndilidlolo ngenxa yesimo nohlobo endibukeka ngalo
Ndingumthwalo endleleni yakho,
Kodwa akukho sikhuni siguga namaxolo aso.
Nam ndiyazama ukuzicebula kwesisehlo ntonje yindalo kaMdali.
Ndonwabile kuba wonke umntu uyonwabisa kodwa ndixhelekile ngaphakathi.

Ndizamile uwaphakamisela ezintabeni amahlo wam.
Kodwa alude luvele uncedo lwam.
Ndiyavuma ndiphambukile endleleni
Ndisenzile isono phambi kwamehlo wakho,
Nangona ibingezizo’njongo zam nto nje ndiqhathwe lifuthe nokungazi nam ndahendeka.
Kanti ngenene nangenyaniso intloko ingene ngentlondlo.
Owu! Lomqokozo undithwalise wona ungapha kwamdla wam.
Kanene indlovu ayisindwa ngumboko wayo ,
Kutheni mna ndodwa ndisoyisakala nje?
Ngenelela unonkala uxinge ematyeni kuba lomqokozo undithwalise wona ungapha kwamdla wam.