Yima mthi hima uthi gomololo.
Uze ungagungqi nokugungqa kwehlabathi.
Uze ungaswayi nokuswaya kwemimoya.

Yima mthi yima uthi gomololo.
Uze ungahambi nokuhamba kwamazi
Uze ungafi nokufa kwemini xa bungena ebusuku.

Yima mthi yima uthi gomololo.
Lo kufa ilanga iyaphila inyanga,yana imvula.
Uze ungangxoli unxele Izulu lindlokova ngo busuku kaloku wena wakhelwe,
Waze wamiselwa na phez’ukwamazi .

Yima mthi yima uthi gomololo.
Sonke sixhomekeke kulomthunzi wakho wosithoba ukudinwa sele ilanga limile
Mthindini amasebe angadinwayo kukusithwala sele endiniwe engqokobisile enjonge phantsi.

Yima mthi yima uthi gomololo.
Bufike badlula ubusika baze batshabalalisa amagqabi akho amdaka esuka kuluhlaza, khangela ke bukushiye wena usamile.

Yima mthi yima uthi gomololo.
Ukhulile ngeminqweno yokubeka noku fikelela phezulu,uze ukhule ungakhokobi ndichulumanciswa kukuba ligqabi lakho lokhu ngqibela .

Oh yima mthi yima uthi gomololo.