Amanyange asifulathele
Izihlwele zisinikela umva.
uQamata usi qumbele.
Ewe kaloku silahle inkolo yethu saphaphela inkolo yaseNtshona.

Bafondini nithungw’ imilomo na?
Khuzani kaloku isizwe sikaRharhabe siyaphalala.
Khanikhe niyibhentsise undonakele uphi na?

Inene umthathi uyawuzala umlotha!
Le nto ke yokungathethi kwam indenza ukuba ndithathe usiba ndibhale phantsi,
Yonke into endiyicingayo nendiyibonayo kulemihla.

Abazali bakudala babenenzala eninzi kangakokuba umntu ebebanabo abantwana nokuba balishumi elinesihlanu, kunjalo ke azihlangabeze zonke iimfuno zabo.

Makwedini kwakhe kwanje phi na?
Namhlanje nikhumsha nikhumshile
amasiko nezithethe niwatyeshela
Ibala, ubuntu nolwimi lwethu nilutshikilele.

Nantsi inqambuzane yimali ngoku!
Kusetyenziswa imali kakhulu kwaye nemisebenzi inqabile kweli xesha siphila kulo.
Abantu babaleka ubuncwane nobomi bamandulo baphaphela obaseNtshona.
Abantu baba ngamavila , abalimi bathenga yonke into.
Ndinoloyiko kub’ abantwana abaninzi baza kondliwa kanjani kule meko.
Kwanqaba nezo mazi zeenkomo zobisi, apho abantwana babesengelwa kuzo; amasi ayathengwa anexabiso eliphezulu.

Ingxaki kweli lizwe lethu bubuntu obungekhoyo, obuthi ke kulowo ungenabo bumndulule bumfudusele ezantsi phantsi komhlaba afihlwe,
Kanti lowo unabo ubuntu, obakhe ubomi busoloko bukwimo entle maxa onke.
Ewe sizukulwana sikaRharhabe xa nditshoyo andithethi okokuba umntu makakholelwe nakwinto ececa gca ukuba nagamampunge.

Ukuba kukho mntu ofikayo kuwe enebhongo neqhayiya lokokuba yena wafa wavuka , inene lowo unobuchule nesiphiwo sokuthetha inyaniso engekhoyo.
Kumntu onjalo ke nakanye ukholelwe kuye.
Ngenxa yobuchule bokwenza ubugqi kubantu bakuthi .
Loo nto yenza zinqongophale zibalwe izinto ongenakukholelwa kuzo.

Zixakile izinxibo zanamhlanje, akusanxitywa zihembe (zibheshu) ngamakhwenkwe,
Kunxitywa impahla zikanokutsho.
Ikhaya nalo kuyafuneka libonakele umntu angayaluzelisi iminwe xa ekhomba kowabo okanye kwakhe.
Oongquphantsi abasakhathalelwanga ezilalini, kuphatshelwe izindlu zaseNtshona.

Masikhe siqiqe yaye sicinge nzulu ukuba singathini ngenzala kwesi sithuba.
Umqa womel’ephinini , sipheka inyama ngomhluzi wenye,
Umkhuhlane ongendawo ugqiba isizwe, ndababonisa ubushwa, umhlonyane,usinikanuka khona ukuz e bafuthe bandibhebhetha kuba ndithetha amampunge.

Siyakhahlela kwabo basagcini ubuntu nenkcubeko yakwantu,
Sibusa, siyaleza kubo ngesidima nesihomo;
iiNkonde neNkondekazi ziyazazi ukuba zingumkhomba ndlela kulutsha ngobubanzi. Zigcine izithethe namasiko, ukuzingca ngobuntu bethu.