Intak’ende empiko zingenamlinganiselo
Izalwa nje iqhelene nenxwaleko
Intsobi yobuzali uyincance esibelekweni
Into enenimba end’bunganga bayo abaziwa
Iqeqeshwe yimvelo yathweswa isidanga kwayimvelo
Igqwesile yabonakala ngamabala kwesayo isizalo
Ngumakhwekhwetha umawa evuka ngenxa yentsana zakhe
Into ebethwa ngamaqhwa yolule mpiko zayo

Zivuthuluke iimpiko liphele xabiso layo
Sisinde isizalo sayo zibe nobomi ntsana zayo
Kuyo ubomi yimpumelelo yentsana zayo
Impumelelo kukubila nokuphala kwegazi kuyo
ubunganga bothando lomzali abaziwa

Ulonwabo kuyo kukuqaqamba kwe kamva lentsana zayo
Isika inimba igqobhozele ngapha kokhuselo lomphemfumlo
Intaka ende embele wanyisa amaduna namathokazi
wathinta imbokodo wathinta amaqhajikazi