Vityo-vityo ndawuthin’ukuthuka xa kunje
Wemk’umzali eshiya inkedama ngasemva
Ndawuthath’aph’ushiye khona,
Ndiyek’apho ndiphela khona

Ndiyabulela nto ka baw’uBhinase
Ndim oyidlale’bomini bam iyacaca
Sandla sakho sinomvuzo
Aph’uhamba khona kucaca ngemisebenzi
Swazi lakho liyakhumbuleka

Aph’ukhoy’uqhubeke wenz’okuhle
Wandenza ndabuthanda ubutitshala ndingabuthandi
Nto ka Wushe’ngayanga phezulu
Ongayigqibel’incumile kodwa sel’iqumbile
Kuba inkangeleko yayo ayitsho
Nto ka baw’elunge okwe xhewukazi le gusha

Bendithetha de ndilibale nob’asilingani
Bhunguza lokuvula kuvaliwe
Uzizibalo aph’uhamba khona
Uliqhawe kwabasakhulayo
Wandifundis’izibalo ngoku kwanto, enenani ngase ndiyibale

Mandehle baninzi bafun’ubulela
Ndithi makwande