Ngenjixukuxa ngolwesihlanu ezintsukwini ingca isalel’umbethe ,iintaka zichwayitile zibhiyozela lemini inkulu kangaka, kuzizinja ngapha zisenza owazo umbhodamo ndithi abanye besithi ‘bhekela ungatshi’

Kuba kaloku wonke umntu wayehambela phezulu ilugcobo novuyo kumzi kabawo, kum ke igubu lentliziyo lalingatshotshi yehaa! Ndibangelwa luvuyo intliziyo leyam ixhumaxhuma ndathi ndakuphosa amehlo kumama ndafika kusibekele ezambokodo zakhe zamehlo.

Yanga ngathi xa enokugqwanyaza kungasuke kuze eyona mvulakazi eyayinobangela imilambo nemifula izale, kodwa akazange aphose nelimdaka. Wasuka watya tyum ezonyembezi ke ingezizo ezinye ngaphandle kwezovuyo, kaloku umafungwashe wakhe wayezoqala kunyaka wakhe wokuqala kwiDyunivesithi ya kwelentlanzi. Ndandixelelwa ukuba kwelentlanzi kukwanja zothumlilo kodwa lawo amazwi ndawaphosa emagxeni.

Intsuku zihambile inyanga zaqengqeleka kodwa hayi ubomi bokuziphatha, ndingabulibelanga ubunzima kulomhlaba umagad’ahlabayo. Ngenene izwi lomdala idliw’anja. Njalo ke ndidibene nabahlobo abanye ingabofunda abanye ingabolonwabo, ndalibalayo ke ngekhaya ndingasabhali nakwele swekile.
Ndiyolelwe bobabumnandi buchulumancisayo belilizwe lobusi no busi, zemka ingqondo kwashiyeka inyama nomzimba, ndimbulele umama ngezenzo zobugwenxa bam, inyawo lajonga ecaleni, imbeko yamka namanzi. Ndithi ndakumcinga kuthi ndingathi, “vuleka mhlaba ndingene,”
Ubuhle bekhiwane zimpethu, obam ubuhle bundenze umntu endingenguye ndalahl’imbo ngo phoyiyane namaphupho afa namthanyane, zabe eza ngcuka zombethe ufele lwegusha zingasabethi, ngenene abahlobo banzulu kutshiwo kuthiwa ubuhle balemihla bufana nje nencindi yekhala.

Ndithi ndakumcinga umama ndive intliziyo lee ibethele uma de ngathi ndingava nelalizwi lakhe lalisitsho kamandi. Oko hadi phantsi komthi womngcunube ubomi ngumzamo kushiyana uqiqa nengcinga zethu ubuhle akuphela kwento onoma ngayo, mna ndawomba oka mama umgodi ngezenzo zam inyembezi zika misisi zindenze mntu wumbi.

***