Ubomi endibuphilayo

Ndikhule ndinjenge gqabi, ndathi ndakukhula andawela kude kumthi lowo ubundithwele.Ngemini zegqantsini okanye zeemvula kungona Adams in anathema ngamandla apho ndawela khona.

Kuthe kwabakho imimoya ebhudlayo,nam ndathatheka ndayowela kwiindawo ezingendawu. Ndibhadule ndadibana nabe ndicinga bafana nam ndahlala kubo kodwa ekuhambeni kwexesha ndiye ndazibona ndohlukile kubo ndemka.

Ukukhatshelwa kwam yile mimoya kuye kwandenza ndazilibala ne ntsukaphi nemvelaphi yam.Ndiphaphame sendikwindawo engenambuya mva koko isa esihogweni. Ndilile ndakhwaza kodwa uncedo belungekho, elowo nalowo uxakene nobakhe ubomi. Oyhini na Bawo! Ukulandela izinto ezisa kwamtyholi. Oyini na Bawo! Ukulahl’ imfundiso zabo bandikhulisileyo.

Ndinjenje namhlanje kukulandela izinto zesizwe.Lumka wena usenako ,buya umva wena usenako. Alpha kobubomi ungena uheñdwe zizinto ezintle ucinge kuhle koko ngaphakathi ngamagad’ahlabayo sisihogo. Wena usakhulayo buza kwaba phambili,njengoba abo baphambili bakuxelele ukuba qina kwiingqantsin nakwimvula zobomi ungavumeli ubhudlwe yimimoya engendawu.

Ndifathula kobubomi ndingazinto koko ndibhekabheka ebumnyameni ndikhangelana nento engaziwayo. Ngaphambili bendaziwa njengomntu olilungisa othobela yonke imithetho nanje ngomntu onekhaya eligcwele uthando nemfudumalo kodwa namhlanje ndaziwa njengomntu ongesathobeliyo imithetho nanjengomntu oyinkedama.

Abo babendithanda bonke bandishiya ngenxa yobugwenxa bam nangenxa yobomi endibuphilayo. Abo ndandibabiza nje ngabazali nanje ngosapho sele bahlamba izandla ngelo kundincama. Ngorhatya ndilala kobandayo ndive izigqi ezitsho entla kwam.Elowo nalowo ungxamele ukuya kusapho lwakhe. Mna kusele kuzinyanga uphahla nosapho ndingenalo.Ba bekusiya ngam ngekudala ndayibekay’ inqawe ndisingise kwelemimoya.

Kodwa ngenxa kaMdali ndisadla amazimba kobubomi buyingcind’ekrakra ,ngeenjongo zikaMdali ndisakhuselekile kobubomi bentsho-ntsho lenkukhu ndibuphilayo.

Izinto zolandela abo ndicinga ngabahlobo zindise kobubomi besihogo ndibuphilayo.Izinto zongathobela abazali zindijike ndanjenge nkothovu yexhegokazi ukubukeka.

Kwakusa ndizamana noncedo kodwa elowo nalowo sele endibona njengento engesaphiliyo.Kaloku ndingulo wahendwa bubuhle bezwe ndalizela ngomva usapho lwam,bakhala bagqusha ngenxa yam .Ndinjenje namhlanje kungenxa yeenyembezi neentlungu endabenza yona abo babesondele kum.Lento kuthiwa iinyembezi zomntu aziweli phantsi ndiyayazi intsingiselo yayo namhlanje.

***

Khawutsho: Ucinga ntoni ngesisincoko singentla?