Khaw’thethe okunyanisekileyo. Okumele ukwenze ke. Thetha into ezizizo kubantu bonke. Bona okuhle kwinzala yakho. Mayenz’okuhle. Yikhuthaze.

Amagama enkuthazo abalulekile kakhulu ayadala. Ayamakha umntu, abonakalisa uthando omnye komnye. Imizamo engaphumeleliyo okwethutyana ayithethi kuphela kwexesha lonto nokungenzeki kwezinto. Ayithethi azisayi kwenzeka. Khuthazeka suphela mandla.

Khuthaza bakhuthaze abakho. Uthethe amagama amnandi lonto iyakumbangela ubani enze okuhle kuba kaloku ukhuthazekile kwaye kulindeleke lukhulu kuye. Kwaye imbangela ubani azibone enexabiso angapheli mandla. Emana njalo efuna ukwenza okulungileyo nokuhle kuba kalok ukhuthazekile.

“Hayi ezi zinto zakho ziphelela esithubeni, azihambeli ndawo,” lawo ngamazwi angakhuthaziyo kwaphela, ambangela ubani azibone ngathi umosha/udlala nje ngexesha.

Khuthazekani manene namanenekazi noba kwenzeka ntoni na. Hlalani kweyenu imizamo noba kuthetheka ntoni. Aphilile ke lo magama enkuthazo. Asezakusakha isizwe.

Zam’indlela ukhuthazeke. Bani nobani bhekani phambili nyuka nyuka. Bekumele ze kubenjalo kuba amandla okwenyuka avela kanye ngexesha lenkuthazo. Nyuka nyuka. Usengabheka phambili. Uthando aluphelelanga apho. Khuthazeka bathande bonke ubone okuhle kubo ubakhuthaze ke nonko. Nawe ngokunjalo Khuthazeka. Nyuka nyuka Aykabisiso isphelo esi noba kungamnyama entla zamindla. Bheka phambili.

***

Khawutsho: Athini awakho amazwi okhuthaza oye unike umntu owaswelayo?