Nto kaThixo esikelelekileyo uya phi na?

Wena wafunda ukuzimela uselusana .

Wena wafunda ukumila iintsiba use lusana.

Nto ka Thixo esikelelekileyo uyaphi na?

Wena uhla unyuka phakathi kwezi hlobo uhlukunyezwa.

Wena ubuya usiya uthukuthezelelwa .

Nguwe indlalifa yobubele behlabathi.

Nguwe ongakudanga kwi ntliziyo yomdali .

Okhohlakalele wena uyakutsha ngumlilo .

Othanda wena uyaku vuzwa .

Nto ka Thixo esikelelekileyo uyaphi na?