Nto kaThixo esikelelekileyo uya phi na?
Wena wafunda ukuzimela uselusana .
Wena wafunda ukumila iintsiba use lusana.
Nto ka Thixo esikelelekileyo uyaphi na?
Wena uhla unyuka phakathi kwezi hlobo uhlukunyezwa.
Wena ubuya usiya uthukuthezelelwa .
Nguwe indlalifa yobubele behlabathi.
Nguwe ongakudanga kwi ntliziyo yomdali .
Okhohlakalele wena uyakutsha ngumlilo .
Othanda wena uyaku vuzwa .
Nto ka Thixo esikelelekileyo uyaphi na?