Iqale okomkhumezelo impiliso yam
Qaba qaba! Atsho amathontsi okoluleka kwe ngqondo yam
Kungekudala ndikwazile ukukroba
Ethubeni uncumo lwam lubuyile
Wena wakhe wabona umntu efuna ukuhleka kodwa ezibamba .
Wena wakhe wabona umntwana ezama ukungcambaza efunda ukuhamba .
Ebendingayi jonganga ngu nogumbe wolonwabo othe wafika
Emveni kwee lahleko ebezindidakumbisa.
Emveni kweminyaka nditarhuzisa
Ndikhamisa, ndiculu’landincamisa.
Imvulakazi
enkulu ifikile!