Iqale okomkhumezelo impiliso yam

Qaba qaba! Atsho amathontsi okoluleka kwe ngqondo yam

Kungekudala ndikwazile ukukroba

Ethubeni uncumo lwam lubuyile

Wena wakhe wabona umntu efuna ukuhleka kodwa ezibamba .

Wena wakhe wabona umntwana ezama ukungcambaza efunda ukuhamba .

Ebendingayi jonganga ngu nogumbe wolonwabo othe wafika

Emveni kwee lahleko ebezindidakumbisa.

Emveni kweminyaka nditarhuzisa

Ndikhamisa, ndiculu’landincamisa.

Imvulakazi

enkulu ifikile!