Titshalakazi
Lencwadi ndiyi bhalela
Wena ndlovukazi
eya ndamkela ngezandla
ezi gcwele uthando mhla
ndinyathela phakathi
kweyadi yeli khaya lemfundo
Ndifike apha esikolweni
ndingazi nto,
ndingazi mntu futhi
ndingenabo nabangani
Kodwa wena ube
ngumntu wokuqala ondi
bambe ngesandla
wahamba nam le ndlela
eya empumelelweni
Titshalakazi ndithi
lencwadi andiyi bhali
nge sandla nje kuphela
Ndiyi bhala nange ntliziyo
Ngoku bendicela undi mamele nge ndlebe yentliziyo ngoba
Anka nga magama wencwadi ongakaze wayifunda ebomini
Qho xandi bona
Wena ndisuke ndibona
Umzali wam wesibini
Ndisuke ndibona
umama owandi thatha
nje ngomntana wake wegazi
Ndiko thulela
umnqwazi ngo msebenzi
wakho oncomekayo
Ndiko thulela
umnqwazi ngo thando lwakho olunga pheliyo
Titshalakazi
Ndibonga ubukho
bakho
Tishalakazi
ndibonga olo ncumo
lwakho ngoba
luhlala lundi ququzela
ukuba zonke instuku
zinga mathuba esi bini
Andithi nguwe
owathi kum uncumo
luphawu lokuba
noba kungaba nzima
kangakanani kodwa
ithemba ali lahlwa futhi
alibulali
Ithemba lokuba nga
kusasa ikamva lam
lizaku fezeka
Namhlanje ndicgwele
uku zithanda
noku zethemba ngenxa
yakho wena owa
dela konke kuba
ufuna uku bambisana
nam ekwakheni isithunzi
sam esi ncomekayo
ngoku pheleleyo
Wena ungu nobangela
wokuba ndibe nolwazi
olungaka lokuba
Uku philisana ku balulekile
empilweni
Ndim lona
Ndiya zilahla phambi
kwakho nga madolo
amabini
Ndivumele ndi ndithathe
ixeshana lakho nje
Ndi bonge uthando
lwakho olu ndenze
lomntu lona endi nguye
namhlanje
ndi bonge isandla sakho
esindi guqulile
sandzenza lomtana one
mbeko endi nguye
namhlanje ngoba
Konke kungenxa yakho
Uthixo aze andi
gcinele wena
Amagama akho
endinga soze ndawa libala
ngaka athi
Ndikhuthanda nyan nyan
By: Bophelo Nkopane The Poet Girl