Titshalakazi

Lencwadi ndiyi bhalela

Wena ndlovukazi

eya ndamkela ngezandla

ezi gcwele uthando mhla

ndinyathela phakathi

kweyadi yeli khaya lemfundo

Ndifike apha esikolweni

ndingazi nto,

ndingazi mntu futhi

ndingenabo nabangani

Kodwa wena ube

ngumntu wokuqala ondi

bambe ngesandla

wahamba nam le ndlela

eya empumelelweni

Titshalakazi ndithi

lencwadi andiyi bhali

nge sandla nje kuphela

Ndiyi bhala nange ntliziyo

Ngoku bendicela undi mamele nge ndlebe yentliziyo ngoba

Anka nga magama wencwadi ongakaze wayifunda ebomini

Qho xandi bona

Wena ndisuke ndibona

Umzali wam wesibini

Ndisuke ndibona

umama owandi thatha

nje ngomntana wake wegazi

Ndiko thulela

umnqwazi ngo msebenzi

wakho oncomekayo

Ndiko thulela

umnqwazi ngo thando lwakho olunga pheliyo

Titshalakazi

Ndibonga ubukho

bakho

Tishalakazi

ndibonga olo ncumo

lwakho ngoba

luhlala lundi ququzela

ukuba zonke instuku

zinga mathuba esi bini

Andithi nguwe

owathi kum uncumo

luphawu lokuba

noba kungaba nzima

kangakanani kodwa

ithemba ali lahlwa futhi

alibulali

Ithemba lokuba nga

kusasa ikamva lam

lizaku fezeka

Namhlanje ndicgwele

uku zithanda

noku zethemba ngenxa

yakho wena owa

dela konke kuba

ufuna uku bambisana

nam ekwakheni isithunzi

sam esi ncomekayo

ngoku pheleleyo

Wena ungu nobangela

wokuba ndibe nolwazi

olungaka lokuba

Uku philisana ku balulekile

empilweni

Ndim lona

Ndiya zilahla phambi

kwakho nga madolo

amabini

Ndivumele ndi ndithathe

ixeshana lakho nje

Ndi bonge uthando

lwakho olu ndenze

lomntu lona endi nguye

namhlanje

ndi bonge isandla sakho

esindi guqulile

sandzenza lomtana one

mbeko endi nguye

namhlanje ngoba

Konke kungenxa yakho

Uthixo aze andi

gcinele wena

Amagama akho

endinga soze ndawa libala

ngaka athi

Ndikhuthanda nyan nyan

By: Bophelo Nkopane The Poet Girl