Kwiziko lokusasaza iindaba

Kulapho into eziyimimangaliso

Zishunyayelwa, zipapashwe khona

Apho siziphakelwa khona zishushu

Iziganeko zelizwe zibhedeshwa apha

Izigigaba nazo siziboniswa kwalapha

Ezibalekisa umzimba negazi zilapho

Neziyolisa umxhelo zigaywa ngabo

Esizikithini salo mz’ omkhulu weendaba

UNoxolo Grootboom ubekhony’ apha

Umzila wakhe nanamhla usaphila

Ilizwi lakhe lisevakala nanamhla

Siyalazi ibele lale ntsengwanekazi

“Ndinithanda nonk’ emakhaya”

Encancisa bonke ngezibele nothando

“Ndinithanda nonk’ emakhaya”

Imazi eshukumise ilizwe neziseko

Ham-ham ntombi kaGrootboom

Ntaka yakwaXhosa egwaba ngeempiko

Inzwana entle okwethole leNunu 

Tshotsho ukhawulwe ngonyoko

Tshotsho uzalwe ndunakazindini

Namhla sidla iinkobe esandleni sakho

IsiXhosa usiqhole ngevumba elimnandi

Ndikubonile ushumayela, ufundisa

Emva kwamashumi amathathu anesixhenxe

Wazishiya izixhobo, wadla umhlala-phantsi

Camagu ke mazi ebeli-lide, uze ungasilibali