Ndiziva ndidandathekile

Ubomi bujikile

Izizwe ngezizwe zindifulathele

Ingqomdo iyabubona ubomi obundifaneleyo

Wawundifunani sichitho

Ngenxa yakho ingcinga zam ziphelela emoyeni

Kuba wena uyandibekelisa ebantwini

Banxapha bathufe bakundibona

Bathi nali eli xelegu lomfana

Ndithule ndithi xola ntliziyo

Ngoba wena uyayazi inyaniso

Ubuncwane bokuphila andibazi ndibuva ngembali

Kodwa ndohlala ndisethembeni

Kuba lidanisa lingabulali

Khona bakufika ndakubu qala ngaphi

Sekulithuba noko ndingena bomi

Eloxesha iminyaka iyahamba

Ndifuna ukubayi ndoda ngokupheleleyo

Kodwa wena uyandibamba

Suka endleleni yam ndishiywa lixesha

Ubomi abumanga

Ndiyintsini nako ntanga

Sichitho kanti awudinwa wena

Yehlisa ulaka kwanele ngoko

Nam ndiyafuna ukungcamla ubomi