Wakunyathela lomhlaba kukuqala kwezifundo

Akekho ozalwa sele esazi yonke into

Liqale ligaqe xalizakuhamba

Litekete xali lizakuthetha

Ibuzwa kwaba phambili

Ayincanci etholeni

Imfama ayiyikhokheli , enye kuba zokufakana emgibeni

Sakufunda de siyokunqandwa lingcwaba

Singabantu izifundo zethu azifani

Okundakhileyo kunganga kwakhi

Mihla ne mihla sifunda okutsha

Komncinci nakomdala