Wakunyathela lomhlaba kukuqala kwezifundo
Akekho ozalwa sele esazi yonke into
Liqale ligaqe xalizakuhamba
Litekete xali lizakuthetha
Ibuzwa kwaba phambili
Ayincanci etholeni
Imfama ayiyikhokheli , enye kuba zokufakana emgibeni
Sakufunda de siyokunqandwa lingcwaba
Singabantu izifundo zethu azifani
Okundakhileyo kunganga kwakhi
Mihla ne mihla sifunda okutsha
Komncinci nakomdala