Ndicela ukuguqa ngedolo
Ndithethe ndiphalaz’imbilini yam
Nindibolek’indlebe ndiziphe ukutya kwazo
Ndiyazidla ngemvelaphi yam
Kubalulekile silulutsha siyaz’imvelaphi yethu

Ukuze sazi apho sisuka nalapho siyakhona
Masingalahli imbo ngophoyiyane
Mna ndizidla kakhulu ngeyam imvelaphi
Ndinebhongo neqhayiya ngayo
Amathunz’anabile alisekho ixesha lokudlala

Akubimnandi xa usiva abany’abantwana bezingomb’isifuba ngemvelaphi zabo ube wena ungazazi apho usuka khona
Masifundisaneni ngemvelaphi zethu Mzontsundu ukuze sizokwazi ukufundisa nezizukulwana zangomso

Masiwahloniphen’amasiko ngoba bubom bethu obo
Aphelelaphi na amasiko akuthi
Siphulukene nawo ngaliphi na ixesha

Masibuyel’embo lutsha lakowethu
Sithath’amasiko wethu siye nawo phambili
Vukani sizwe sakowethu
Vukani bantwana bomgquba
Itshabalala njani imvelaphi yethu sijongile

Masimanyaneni sibuyisel’imvelaphi yethu
Makube njalo Ma-Afica amahle
Ngokwenje njalo sibuyis’isidima sobawomkhulu
Amasiko nezitheth’awaxatyuswanga nje ngamandulo
Mqsizingceni ngamasiko wethu

Singayintoni na ngaphandle kwamasiko
Singaphila njani na ngaphandle kwezithethe
Amasiko ngawona achaz’ubomi bethu
Masingawatyesheli siwaxabise
Masihlonipheni imvelaphi yethu