Wena khozi lumaphika phiko

Lang’ elikhanyis’ ebumnyameni

Wena ngenamkhethe

Mqoqi ngqondo kwimveku

Itsho inqwaqwadeke

Ungumthetheleli kwinkedama

Ungamanz’ ahlamba ,

Apho kumdaka khona

Bambi bath’ ungumavula kuvaliwe

Bambi bathi awugugelwa

Mfundo ndini usuka ngaphi na

Ndivumele ndithi

ungumshukuxi ngqondo

kuphume ooqonqothwane

kushiyeke kuqiqa

kwiqaba leqaba

kutsho kuzinze amaceba