Ndibuhlungu! Ndibuhlungu!

Ndibanombuzo ongaphendulekiyo kutheni Thixo ungafezekisi amaphupha am, nam ndibeyilento endifuna ukubayiyo.

Nam ndingomye wabantwana bakho ndiyaludinga uncedo lwakho, oko ndingalungelwa ndiziva ngathi wandilibala xa uzisa intsikelelo kwabanye abantwana, ungandilibala nganjani Thixo wam.

Ndithandaza yonke imihla koko andiboni msiphume ehluko, ndithi sendiguqangedolo ndizive zisehla inyembezi ebusweni bam ngoba lentlungu endikuyo ayifaniswa nanto, Thixo wam undilibala njani?

Umoya wam wophukile, amathemba andisenawo kambe xakunje kuyobayintoni isiphelo salempilo, andisakwazi nokulala ndiloko ndikhatshwa zinyembezi kubemanzi umqabelo Thixo wam undilibala njani? Kodwa utshilo ezwini lakho usithi “Cela uzophiwa, Nkqonkqoza uzavulelwa” koko ndikwenzile konke kodwa andiwuboni umehluko.

Kuyoze kubenini ndiphila impilo enzima ngoluhlobo, ndinentloni zodibana nabantu ngoba ndingumntu oloko edyengezise amahle kuba inyembezi zisoloko zikufutshane nenkophe zamehlo Thixo wam undilibala njani? UMama wandibeka ethembeni esithi “kuyanyamezelwa mntanam impilo inzima” kodwa ngoku sendonele kukunyamezela Thixo wam undilibala njani.