Ngentsasa elandelayo emva kokuba ndivukile ukulungiselela ukuya esikolweni, ndankqonkqoza kumnyango wegumbi lokulala likamama. Wayesangqengqile esesebhedini. Wayengazi kuphangela esafumene usuku lokuphumla ngaloo mini.

“Mama, kukho into endifun’ ukukuxelela yona.” Ndatsho.

“Yintoni Ayanda mntwan’ am?” Wabuza umama.

“Laa nkwenkwe wawubundibalisela ngayo ngalaa mini iseklasini yam. Igama layo nguXolani. Ngumhlobo wam …” Ndatsho.

“Iseklasini yakho? Owu, ndilusizi, nyana wam. Kodwa ke bethuni, wayesenza ntoni ethaveni leyithi kangakaya ngobuya busuku? Ndingatsho nje elubala ukuba ndiyavuya kuba wena  useenengcinga ezilungileyo xa ungekayingeni le youkusela into,” watsho umama.

“Nantso kanye ke into endifuna ukuthetha ngayo, Mama. Ngobusuku bangoMgqibelo ndaphuma ndaya kwitheko lomhla wokuzalwa lomnye. Kodwa ke mna ndaye ndalishiya ndemka kwangethuba, uXolani yena ndamshiya eselapho. Ndiyafunga, ndandingazi ukuba angaya ethaveni,” ndaqhuba ndatsho.

“Wena, wasela apho ethekweni?”

Ndanqwala intloko ndaza ndajonga phantsi.

“Wandixokisa, Ayanda. Wathi uza kufunda kodwa wawuzazi ukuba wawuza kuya ethekweni. Wawuza kuthini ukuba wawuhlelwe yinto, Ayanda? Wawuza kuthini ukuba … yayinguwe lo ulele esibhedlele ngoku?” watsho ebuza umama.

“Ndicel’ uxolo, Mama,” ndangxengxeza ndatsho.

“Uyafuna ukuliphumelela eli Bakala le 12, Ayanda, okanye ingaba ufuna ukuba ndikubuyisele kuQoboqobo?” Wandibuza umama.

“Ndiyafuna ukuliphumemela eli Bakala, Mama, ndaphendula ngelitshoyo.

“Ayanda nyana wam, uyakhula ngoku. Kufuneka uhlale ucinga ngeziphumo zayo yonke into oyenzayo phambi kokuba wenze nantoni na. Xa ndithetha nawe, ndikuxelela ezinye izinto, asikuba ndingafuni ukuba wonwabele ubutsha bakho, hayi akunjalo. Nam kaloku ndakha ndamtsha, kwaye andifuni ukuba uphinde iimpazamo endakha ndadlula kuzo. Wena, yenza ezakho iimpazamo. Khetha abahlobo bakho ngobulumko kuba mna andifuni kuphulukana nawe,” watsho umama.

Andizange ndilindele ukuba umama angathetha nam ngolo hlobo. Wayengumntu owayesoloko engxamela ukundigxeka avele agibisele kum yonke into le engalunganga. Ndandicinga ukuba uza kundingxolisa xa ke engazi kundibetha.

“Ndicela uxolo, mama. UXolani ngumhlobo olungileyo – ngumntu olungileyo, Mama. Senze nje impazamo,” ndatsho.

Umama wathi cwaka umzuzwana, waze wanqwala. “Umhlobo wakho uyachacha. Ungaya kumbona ukuphuma kwesikolo. Nceda uphume ngoku egumbini lam lokulala phambi kokuba ndikugibisele ngesi sibane ndisiphetheyo kuba ngokwangoku ndisenomsindo wokuba undixokisile.”

“Enkosi, Mama. Ndakukubona ukuphuma kwesikolo,” ndatsho, ndivala umnyango wegumbi lakhe xa ndiphuma. Ndaya ekhitshini ndafaka amaqebengwana, iimafini ezintathu awayezibhakile esikhaftinini sam.

Emva kokuba ndandithethe nomama, ndaziva ngokungathi kwakukho umthwalo onzima othe xibilili apha emagxeni am. Esikolweni ndaziva ngoku ndikwindawo engcono ngokwasemphefumlweni, ndaziva ndikwazi ukunika ingqalelo kwakhona, ndikwazi ukumamela xa kufundiswa. Ndandivuya kukwazi ukuba uXolani wayechacha  kangangokuba ndandingakwazi nokulinda, ndandifuna kude kufike ixesha lokuba ndide ndiye kumbona esibhedlele. Nangona kwakunjalo, kwakukho into ekwakufuneka ndiyenzile kuqala. Kwakufuneka ndibone uSima kwaye ndithethe naye.

Ngebhreyikhi ndamthi tshe uSima ehleli engceni noAnathi. Ndaya kubo.

“Uxolo wethu Anathi torho, ndingafumana imizuzu nje embalwa khe ndithethe noSima?” Ndamcela ndatsho.

“Kulungile wethu. Bendihleli ndiza kuya kuthenga ijusi kakade,” watsho uAnathi esimka endishiya noSima. Ndahlala ecaleni kukaSima. Sathi cwaka umzuzu nje.

“Ndiya kukhumbula ukuthetha nawe, Sima. Uziva njani?” Ndade ndatsho ekugqibeleni.

“Ndiyaphila, wena?” Watsho uSima.

“Ndiyaphila,” ndazekelela ndatsho, “Ngaphandle nje kwale nto yokuba uXolani esesibhedlele. Eeee, malunga nobuya busuku … “ndatsho ndingayigqibezeli into endandiyithetha phofu ndingayigqibezeli ngabom.

“Ewe! Malunga nobuya busuku. Bendiyicinga into yokuba nanibhejile ninoXolani. Phofu ke wena inokuba uwuphumelele loo mbhejo,” watsho uSima.

“Umbhejo?” Ndabuza

“Ewe, nanibhejile ukuba ngubani na owayeza kulala nam kuqala,” watsho uSima.

“Hooo! Andikuva, Sima. Lonke eli xesha uXolani kanti ebekuncwasile? Akazange ayiphathe nokuyiphatha kum loo nto … lonke eli xesha ndizama ukufumana ukuba ndikhaliphe, ndikhaliphele ukuba ndikuxelele ukuba ndiya kuthanda. Lonke elo xesha wayesenza ngathi akanayo ingxaki yaloo nto …”

“Okokoko wayendicela ukuba khe ndiphume naye, unyaka lo wonke. Mna bendisoloko ndisala.” Watsho uSima. “Uyabona kaloku, mna bendiwela emathandweni nomnye umntu. Nangona yena loo mntu ebeyengayazi loo nto,” wandijonga endithe ntsho, nzulu emehlweni. “Usakhumbula ukuba wathini nakum ngalaa ntsasa ndandivuka nawe kowenu?”

Wajonga kude lee xa ethetha. “Wathi wena uya ndithanda. Hayi ke, nam ngokunjalo, ndiya kuthanda, Ayanda.” Watsho uSima. Ndaqala ukukuthanda ngala mini waqala ukundinceda ngesincoko sam.

***

Khawusixelele: Ucinga ukuba kutheni le nto uXolani engazange amxelele uAyanda ukuba wayemthanda uSima?