NgoMvulo, uThandiwe uvuka kuqala kunonina alungiselele ukuya eSiyakhula. UThandiwe uvusa unina, agalele amanzi eketileni akugqiba ayilayite ukwenzela ukuba uNoma akwazi ukuhlamba naye. UThandiwe uthatha ityesi ahambe aye eSiyakhula.

UThandiwe ufika eSiyakhula kanye xa kulungiselelwa ukuba kungeniswe umthandazo wasekuseni eholweni. Umthe ntla xa engena uNqununu uJobela, wamkhweba ukuba aze kuma nabanye abafundisi-ntsaptho eqongeni emva kwakhe.

Unqununu uJobela unxibe ibhulukhwe kunye nehempe enezembe. Endaweni yeqhina, unxibe ikhola yobufundisi. Kaloku inqununu le, ikwanguye nomfundisi ohlonitshiweyo. Ushumayela kuchukumiseke iintliziyo zabantu. Uve abanamahlaba besithi ngokuva nje intshumayelo yakhe bayaphila. Nalapha esikolweni ke uNqununu uJobela, nguye ophatha umthandazo wakusasa.

Abantwana bama ngokwemigca eholweni. Imigca yohlulwe ngokwamabanga kunye namagumbi okufundela. UNqununu uJobela uyalela intwazana efunda ibanga lesithandathu ukuba itsho iculo kuza kuthandazwa.

Icula ngelizwi elimyoli le ntwazana. Bayalandela nabanye abantwana. Uphakamisa nje isandla uNqununu uJobela kuthi cwaka eholweni.

“Cimelani sithandaze,” utsho uNqununu emva koko athandaze.

UThandiwe uqaphele ukuba wonke umntu ebewavale mba amahlo ngoku ebethandaza uNqununu ngaphandle kotitshalakazi omnye.

Ukugqiba kwakhe ukuthandaza, uNqununu uJobela ucela uThandiwe asondele kuye.

“NguTitshalakazi uVelani ke lo bantwana bam. Uza kufundisa izibalo kwibanga lesihlanu. Ndicela nimphathe kakuhle ke. Niyathembisa?” utsho uNqununu kubafundi.

“Ewe Nqununu!” batsho xesha linye abafundi.

UNqununu uJobela uya bakhulula abafundi baye kumagumbi abo okufundela. UNqununu ucela abafundisi-ntsapho baqale egumbini labo phambi kokuba baye kumagumbi okufundela. Basakuphelela egumbini abafundisi-ntsapho, uNqununu uJobela uyabacela ukuba bazazise kuThandiwe. Kulapho afumanise khona uThandiwe ukuba la titshalakazi ibingacimelanga ngokuya uNqununu ebethandaza nguNkosazana Sonjana.

Nangoku azazisayo uNkosazana Sonjana kuThandiwe akafane amjonge uNqununu kwaye akabonakalisi mdla. UThandiwe uqaphela ukuba uNkosazana Sonjana akathethi kakhulu nakwabanye abafundisi-ntsapho.

UNqununu uJobela ubakhulule abafundisi-ntsapho ukuba baye emagumbini abo okufundisela. Umalathisile noThandiwe ukuba liphi elakhe. Igumbi likaThandiwe lokufundisela lisecaleni kwelikaNkosazana Sonjana.

“Nkosazana Velani, khawundixelele. Ubufundisa phi ngaphambili?” Uyabuza uNkosazana Sonjana endleleni eya emagumbini abo okufundisela. Umjonga emehlweni okomzuzwana ngobuso obungabonakalisi velwano.

“Eh… ngumsebenzi wam wokuqala nje ngotitshalakazi lo,” utsho uThandiwe.

“Ndiyabona. UJobela usakhetha ubuhle kunamava. Kulungile, nali elam igumbi,” utsho uNkosazana Sonjana.

Amazwi kaNkosazana Sonjana ayimisa okomzuzwana intliziyo kaThandiwe. Uphelelwa ngamazwi abukele uNkosazana Sonjana engena egumbini lakhe lokufundisela abulise abafundi ngovuyo.

Ngexesha lokuphumla, uNqununu uJobela ucela uThandiwe ukuba aqale egumbini lakhe phambi kokuba agoduke.

“Khululeka Nkosazana Velani. Ndifuna nje ukuqonda ukuba usuku lwakho lokuqala nje ngotitshalakazi waseSiyakhula belunjani?” utsho uNqununu uJobela akuba uThandiwe ehleli phantsi egumbini lakhe ukuphuma kwesikolo. Ungqiyame esitulweni izandla uzibeke phezu komkhaba.

“Beluluhle kakhulu Nqununu. Abantwana kuyacaca baqeqeshekile khange bandihluphe tu,” utsho uThandiwe.

“Kwakuhle ukuva loo nto Nkosazana. Abanye abafundisi-ntsapho bona? Khange kubekho okukhathazayo?” ubuzile uNqununu.

“Hayi, Nqununu. Khange abekho torhwana kungabe ndiyabatyhola,” utsho uThandiwe.

“Uqinisekile? Nezi ntwana zingootitshala akukabikho nto ziyizamayo? Khululeka xa uthetha nam Nkosazana Velani. Kaloku ndikuqashe ndikwazi usisimomondiya esinokuphazamisa abanye ootitshala ngobuhle,” utsho uNqununu uJobela. Ususa amehlo ebusweni ngocoselelo ancamathele esifubeni sikaThandiwe.

“Hayi, Nqununu,” utsho uThandiwe. Le ncoko imenza azive engakhululekanga.

“Hayi ntoni?” utsho uNqununu. UThandiwe umva ngokuphuma kwelizwi ukuba ubudikwa.

“Akukabikho titshala undiphazamisayo,” utsho ejonga phantsi uThandiwe.

“Kulungile ke Thandi. Awuhlupheki kodwa xa ndikubiza Thandi xa sisobabini?” Ubuzile uNqununu engqiyama etafileni ngengqiniba ejonge uThandiwe ngoncumo.

“Hayi, Nqununu,” utsho uThandiwe ebalekisa amehlo wakhe kwawenqununu.

Khawusixelele: Ingaba ukhona umntu owakhe wakwenza waziva ungakhululekanga ngolu hlobo? Ungamcebisa uthini uThandiwe kule imeko?