Kudlule iiveki ezimbini emva kodliwano-ndlebe lukaThandiwe no Nqununu uJobela. Uthi esacofa-cofa unomyayi wakhe ekhangela amathuba okuqeqesha abantwana kwezinye izikolo kwi-intanethi, ukhale. Ujonga inombolo ebhaliweyo kunomyayi angayazi kodwa awuphakamise umnxeba ngoba inombolo le yeye-ofisi. Kungenzeka ukuba utsalelwa umnxeba sesinye sezikolo ebesandula ukufaka kuzo isicelo somsebenzi.

“Mholo, Nkosazana Velani. Unjani ngolu suku lwanamhlanje?” Litshilo ilizwi kwelinye icala.

“Ndiyaphila. Ingaba ndithetha nabani?” Ubuzile uThandiwe engaqinisekanga ngelizwi ukuba lelikabani nangona livakala ngathi wakhe waliva ngaphambili.

“Ndiyaxolisa, Nkosazana Velani ngokungazazisi. Bendicinga le nombolo yaseSiyakhula wayigcina kunomyayi wakho. NguNqununu uJobela lo uthethayo,” utsho uNqununu.

“Owu! Uxolo Nqununu kaloku ndatshintsha unomyayi endandizigcine kuwo iinombolo zakho. Lo ndinaye unomyayi awunazo,” utsho uThandiwe ephothe iminwe ngoba khange aqalise ukuwutshintsha unomyayi. Iinombolo zaseSiyakhula wayezigcinile nto nje wazikhupha akubona akade atsalelwe mxeba yinqununu.

“Kulungile. Ndithi mandikwazise ukuba isicelo sakho sokuqeqesha abantwana baseSiyakhula siphumelele,” utsho uNqununu uJobela.

“Ndiyabulela ngokundazisa, Nqununu. Ndiqala nini?” utsho exhuma-xhuma uThandiwe engaziva yimincili.

“Andikagqibi kaloku ukuthetha Nkosazana Velani,” utsho ehleka kancinci uNqununu uJobela. “NgoMvulo wale veki siya kuyo ndilindele ukuba ube lapha esikolweni phambi kwentsimbi yesibhozo.”

“Uxolo, Nqununu. Andiziva luchulumanco,” utsho ephethwe ziintloni uThandiwe.

“Ndiyavuyisana nawe, Nkosazana Velani. Usale kakuhle,” utsho ebeka ucingo phantsi uNqununu uJobela.

Ingathi akasabuyi unina aze kumxelela iindaba ezimnandi ezisuka kwinqununu yaseSiyakhula. Umane ecofa inombolo kanina kunomyayi wakhe kodwa azinqande xa ezocofa iqhosha eliluhlaza.

Ubuyile uNoma emsebenzini ekhawulelwa livumba elimnandi lokutya okuphekwe yintombi yakhe. Umculo ukhalela phezulu egumbini lokuhlala eli xesha uThandiwe ephaka ukutya egumbini lokuphekela.

“Thandiwe! Kutheni ungxolisa umculo ngorhatya?” utsho ewuthoba umculo ukungena kwakhe endlini uNoma.

“Uxolo Mama bendingawuqapheli ukuba uyangxola,” utsho esegumbini lokuphekela uThandiwe. Ukugqiba kwakhe ukuphaka uThandiwe, unika unina isitya sakhe esinepapa nenyama yegusha eqholwe kanobom.

“Ndiwufumene Mama umsebenzi eSiyakhula,” utsho uThandiwe.

“Umkhulu, Thixo! Zamnandi ezo ndaba mntwan’am. Uqala nini?” utsho Noma emunca iintupha ulonwabo lubhalwe ebusweni.

“Kule veki izayo ngoMvulo,” uphendule uThandiwe.

Khawusisixelele: Ucinga kuzakwenzeka ntoni kwisahluko esilandelayo?