“Kule minyaka mibini ubungafumani ngawo umsebenzi wokufundisa abantwana ubusenza ntoni? Kwisicelo sakho awuxelanga,” ubuzile uNqununu uJobela.

“Bendincedisa abantwana basekuhlaleni ngezifundo zabo zeziBalo xa bedinga uncedo. Ndiyaxolisa ngokuyishiya le nkcazelo kwisicelo sam,” utshilo uThandiwe.

“Kubalulekile ukuba ungashiyi nanye inkcazelo ebalulekileyo xa ufuna umsebenzi. Abanye abaqashi bazilahla emgqomeni izicelo ezingaphelelanga ngoba oko kubonakalisa ukungakhathali,” utsho uNqununu uJobela engalindelanga mpendulo.

Kwanga anganyoshoza aphume ngobengene ngawo uThandiwe. Amazwi wenqununu amenze waziva emncinci kwesositulo. Ewe kona kuyinyani oku kuthethwa yinqununu kwaye naye uyayazi loo nto kodwa ebengalindelanga ukuba ingamxelela rhabaxa ngolu hlobo.

“Ndikubize kolu dliwano-ndlebe kuba ndibone uhlobo oqhube kakuhle ngalo kwizifundo zakho zokuqeqesha abantwana. Ndiyayazi bekungalulanga kula dyunivesithi. Nam ndandifunda phaya. Okunye, kwesi sicelo ubhale ukuba wakhe waphumelela ukhuphiswano loonobuhle edyunivesithi, ” utsho uNqununu uJobela emhamba umzimba ngamehlo uThandiwe.

Uziva engakhululekanga uThandiwe agushuze akubona amehlo enqununu ehlala kuye esifubeni. Uqhobosha iqhosha elisentanyeni uThandiwe nangona likhupha iintlanzi emanzini nje ilanga ngolu suku. UNqununu uJobela uyawabalekisa amehlo akhe esifubeni sikaThandiwe eneentloni akubona ukuba ubhaqiwe. Ujonga ephepheni eliphambi kwakhe aphinde abuye ajonge kuThandiwe emehlweni ngoncumo.

“Intombi yam ingaphezulu kancinci apha kuwe ngeminyaka (please note this suggestion: mention how much older – xela ukuba indala ngeminyaka emingaphi na). Nayo yakhe yaphumelela ukhuphiswano loo nobuhle kwiminyaka edlulileyo. Undikhumbuza yona. Ndiyaxolisa ukuba ndikwenza uzive ungakhululekanga,” utshilo uNqununu uJobela. Kuba exakiwe uza kuphendula athini uThandiwe, unqwala nje intloko.

Uyaqhubeka uNqununu uJobela, “Ndingavuya xa ndinofumana umfundisi-ntsapho onokukwazi nokuqeqesha abantwana besisikolo ukulungiselela ukhuphiswano lwabo loonobuhle oluza kuba kwiinyanga ezisibhozo ezizayo. Xa ucinga wena ngumsebenzi obunokukwazi ukuwenza lo?”

“Ewe Nqununu, ndingakwazi ukusebenzisa amava wam ndibaqeqeshele olu khuphiswano abantwana. Ndingumntu ozimiselayo kumsebenzi wakhe kwaye ndenza ngandlela zonke ukuba ndikhuphe iziphumo ezintle,” utsho uThandiwe.

“Kulungile. Andinambuzo ungomnye. Ingaba unawo umbuzo wena?” ubuzile uNqununu uJobela ebeka usiba ebelusebenzisa ukubhala iimpendulo zika Thandiwe phezu kwe kwetafile.

“Ewe ndinawo Nqununu. Ingaba bangaphi abantwana kwigumbi ngalinye kwaye isimilo sabo sinjani?” uyabuza uThandiwe.
“Abadlulanga kumashumi amane. Ngokwesimilo ke abantwana bokuhlala bengabantwana kodwa ngabantwana abamamelayo nabanentlonipho,” utsho uNqununu engqiyame esitulweni ebeke izandla kweso sisu sakhe siwileyo.

“Ndiyabulela, Nqununu. Andinawo omnye umbuzo,” utsho uThandiwe.

“Kulungile. Ungakhululeka Nkosazana Velani. Uhlale ulindele umxeba malunga neziphumo zolu dliwano-ndlebe,” utsho ephakama uNqununu uJobela embamba isandla uThandiwe.

“Ndiyabulela Nqununu,” utsho ephakama uThandiwe eguquka ejonga emnyango. UNqununu uJobela uyamlandela. Umthe ntsho ngamehlo ngemva umane esosula umbilo ngetshefu.

Uthe evula umnyango uThandiwe kwabe kuchophe abantu abathandathu abanxibe kakuhle kwesa situlo ebehleli kuso.

“Ndicela onodliwano-ndlebe olulandelayo angene ngaphakathi,” utsho uNqununu uJobela eme emnyango emva kukaThandiwe. Watyhafa uThandiwe akubona ukuba baninzi kwabantu akhuphisana nabo ngesisithuba somsebenzi.

Ngorhatya ukubuya kwakhe emsebenzini uNoma, ubuze intombi yakhe ngodliwano-ndlebe ebinalo.

“Baninzi abantu ebebenodliwano-ndlebe noNqununu uJobela. Bendinethemba phambi kodliwano-ndlebe kodwa andisenalo ncam ngoku,” utsho ecofa unomyayi wakhe uThandiwe.

“Hayi, mtwan’am. Ungangxami ngokulahla ithemba. Uthi yiSiyakhula le ububizwe kuyo?” ubuzile uNoma.

“Ewe, Mama.”

“Iyanconywa ke la Nqununu. Bendincokola nomnye umfazana ohlala ngaseSiyakhula. Ndikhwela naye inqwelo ebheka edolophini rhoqo kusasa. Uthi la nqununu ifike yasiqoqosha isikolo yasibeka kwizinga eliphezulu. Abantwana abafunda kwesa sikolo baqeqeshekile kwaye nabafundisi-ntsapho baphaya bamhloniphile,” utsho uNoma.

“Ndiyakwazi ke wena Bhelekazi uneendaba,” utsho ehleka uThandiwe.

“Suka! Awungowokubaliselwa nto kanene wena mntwanandini,”utsho egibisela uThandiwe ngephepha elisongiweyo.

Uyaqhubekeka uNoma, “Uphinda athi la mfazi, omnye wootitshalakazi wakhe wamtyhola ngokokuba wayefuna ukulala naye ngenkani.”

“Hayi, Mama! Kwathini ke ngoku? Kwafunyaniswa iyinyani leyo?” utsho ebeka unomyayi wakhe etafileni uThandiwe ebaz’ iindlebe kunina.

“Kwathi kanti ibiliyelenqe nje lokumgxothisa kuba kukho abajonge esiya sihlalo sobunqununu. Ukuba ebenetyala ucinga ngewunodliwano-ndlebe naye namhlanje?” utsho uNoma.

“Ibeke nyhani. UNqununu uJobela ubonakala engumntu owuthandayo umsebenzi wakhe,” utsho ngelithandabuzayo uThandiwe.

Khawusixelele: Ucinga ntoni ngeendaba ezithethekayo ngoNqununu uJobela?