UThandiwe uziva efuna ukugabha xa ecinga ngencoko yakhe yokugqibela noNqununu uJobela. Uyazama ukuba angabi kunye naye kuphela kodwa akunyanzelekanga azame nzima ngoba uNqununu uJobela ubonakala exakekile. Akafane aphume nasegumbini lakhe.

Usuku ebeloyika uThandiwe lufikile. UNqununu uJobela umcela ukuba adibane naye kwigumbi lakhe ukuphuma kwesikolo malunga namaphepha ekufuneka ewatyikityile.

“Uxolo, Thandi, ngokubiza ngeli xesha. Ndifuna singaphazanyiswa,” utsho esisa isandla esilevini sikaThandiwe akuba engenile egumbini lakhe.

“Eee, Nqununu… Ndicela uyeke ukundibiza Thandi. Ndibize ngefani bhetele,” utsho eqweba isibindi ephepha isandla senqununu uThandiwe.

“Kusuke kwathini ngoku Thandiwe? Ngubani lo ukufake ezi ngqondo? Kukho utitshala othandana naye apha?” utsho ephakamisa ilizwi uNqununu uJobela.

“Hayi Nqununu,” utsho etsiba uThandiwe esiya ngasemnyango. UNqununu uJobela umbamba ngengalo amtsalalele ngakuye.

“Ucinga uyaphi? Awunambulelo, yhazi? Ubuzoqashwa ngubani ungenawo namava nje? Yizapha. Khulula futhi,” utsho emjija isihlahla esinyusa ngemva uNqununu uJobela. Uyakhala uThandiwe. UNqununu umcinezela ngengalo emqolo ukuba makalale phezu kwetafile ngesifuba

“Uyazilibazisa wena nokuba ungakhala kangakanani. Uza kuviwa ngubani kungekho mntu nje apha esikolweni? Khona xa uxelayo uza kukholelwa ngubani? Uza kufana nje nalo ungu Sonjana ube likheswa ngoba ufuna ukugxothisa inqununu eyintandane,” utsho ekhulula ibhanti neqhosha lebhulukhwe uNqununu uJobela.

Uthe xa egqib’ ukwehlisa ibhulukhwe uNqununu, kwatyhalwa ucango. Xa enyeka ubona uNkosazana Sonjana eme emnyango ephethe unomyayi wakhe ngesandla.

“Ufuna ntoni wena apha? Akumelanga ukuba ugodukile? Sapha loo fowuni,” utsho uNqununu ngomothuko. Uguquke ngokukhawuleza etsibela unomyayi kaNkosazana Sonjana. Uxhume wabuya umva ngokukhawuleza uNkosazana Sonjana unomyayi wakhe esawujongise ngqo kuNqununu.

“Sidlwengundini! Sikhohlakali senqununu esisithela emva kwekhola yobufundisi. Siza kubona ke ngoku ukuba aba bebekuthembile bekuthethelela besithi akukho bungqina bokuba usisidlwengu baza kuthini na,” utsho uNkosazana Sonjana.

Wonyuse nje ibhulukhwe uNqununu wagxanya ukuya enqweleni yakhe. UThandiwe uziqothe ekoneni legumbi likaNqununu uyakhala.

“Thula, Nkosazana. Ukhuselekile ngoku. Nam waphantse wandidlwengula xa ndimxela akwabikho mntu undikholelwayo. Kweli ityeli ubungqina bukhona,” utsho uNkosazana Sonjana ethuthuzela uThandiwe.

UNkosazana Sonjana noThandiwe bammangalele uNqununu uJobela babufaka nobungqina. Uhlaliswe phantsi emsebenzini uNqununu eli xesha uphando lusaqhubekayo. Kukho ibambela endaweni kaNqununu uJobela.

Abafundisi-ntsapho ababengamkholelwa uNkosazana Sonjana bembekele bucala, bayaxolisa. Abanye bayavela ukuba nabo bangamaxhoba kaNqununu uJobela ntonje babesoyika ukuza ngaphambili kuba babebona isimo ebekuso uNkosazana Sonjana akuba emangele.

UThandiwe uyaqhubeka ngokuqeqesha abantwana baseSiyakhula. Akawuvali umlomo ngumothuko uNoma akuva okuphantse kwehlela intombi yakhe.

“Hayi! Nqununu. Ukhohlakele,” utsho eqhwaba izandla uNoma.

Khawusixelele: Ucinga ntoni ngelibali?