Lo mfazi walubulela waza wemka ethoba ulwandle. Walukhwaza kabini nje kuphela ufudo olukhulu lwaselwandle lwaza lwanyuka luphuma emanzini, kuvakala ukuphaxaza kwamanzi okukhulu.

“Musa ukoyika,” lwatsho uFudo lwaseLwandle. “Bambelela kweli qokobhe lam. Ndiza kukusa kubantu baselwandle abazi zonke izinto nawo onke amabali.”

Behla, behla, behla baya ezantsi elwandle, emazantsi kanye, bafika kukumkani nokumkanikazi wolwandle.

“Ngubani lo ke ngoku?” wabuza ukumkani.

“Lo ngumfazi ovela kumhlaba owomileyo ophezu kwamanzi ethu,” usebeze watsho ukumkanikazi.

4

“Ufuna ntoni, mfazi wasemhlabeni owomileyo?” wabuza ukumkanikazi.

“Amabali, Kumkanikazi. Ingaba unawo kusini na endinokuwafumana ndiye nawo kubantu bam?”

“Ewe sinawo,” watsho ukumkanikazi. “Kodwa ingaba wena unayo into oza kusitshintshisela ngayo ngamabali ethu?”

“Ningathanda ndininike ntoni?” wabuza umfazi.

Ukumkani nokumkanikazi bancuma. “Asikwazi ukuya kumhlaba wakho owomileyo. Singathanda ukubona ukuba unjani. Siphathele into ukuze sibone ukuba zinjani izilwanyana nabantu abaphila kuwo.”

“Ndiza kwenza njalo,” watsho umfazi.