Ngoko ke lo mfazi waya kwichweba lomlambo iTugela apho ukhozi lwaluzingela khona. Wathi akulubona walukhwaza ngegama.

Ukhozi olukhulu lwakhala lumphendula. “KWA! kwa-kwa-kwa! Kutheni undiphazamisa ndizingela nje?”

3

“Owu, Khozi olunobulumko,” watsho lo mfazi, “ndikhangela amabali. Ingaba uyazi ukuba ndingawafumana phi na?”

“Ewe,” lwatsho uKhozi, “ndiyazi ukuba ngubani onokukunceda. Yiya kulaa ndawo kudibana kuyo iliwa nolwandle. Yima apho ubize ufudo lwaselwandle olukhulu.”