Ufudo lwaselwandle olukhulu lwamthatha lwambuyisela kumhlaba owomileyo lwaza lwamlinda lo gama ekhawuleza ukugoduka ukuya kuxelela umyeni wakhe konke ngohambo lwakhe.

“Owu,” watsho echulumancile. “Ndiqinge izilwanyana ezininzi, neentaka nabantu. Ungazithatha zonke.”

Kwakamsinyane umfazi wayesele ebuyele elunxwemeni ephethe isipha sezinto eziqingqiweyo. Kwakhona ufudo lwantywila lwaya naye neso sipha ezantsi kanye.

5

Akuzibona ukumkani nokumkanikazi ezi zinto, bavuya kakhulu baza bamnika unokrwece omhle.

“Wena nabantu bakho sinipha isipho samabali. Nanini na xa nifuna ibali, bekani lo nokrwece endlebeni, nimamele,” batsho.

“Kodwa khumbula oku,” wamsebezela endlebeni ukumkani, “ibali lakho lokuqala liqala ngohambo lwakho lokuza ezantsi apha kuthi.”